Iindaba

Iintatheli zikaSABC zibuguqule ngokupheleleyo ubomi bukaYigwana olahlwe ngazalwa nabo!

Pedro Mapelo|Published

UMthetheleli Yigwana obehlala ebugxwayibeni ngenxa yokusokola ufumene indlu emva kokuncedwa ziintatheli zikaSABC.

Image: Facebook

Buguquke ngokupheleleyo ubomi bendodana ebiqanyangelwe yihambonzima ixesha elide eMbizana. Izinto ziguquke ngethuba uMthetheleli Yigwana, 40, edibana nentatheli eyaziwayo kaSABC, uNkululeko Nyembezi nogxa wakhe uLwandile Mbulali, besuka emsebenzini wabo wemihla ngemihla wokucholachola iindaba.

"Ndicela nizokubona indawo endihlala kuyo," utshilo uYingwana ngelizwi elicengayo ngokutsho kukaNyembezi obemathidala. UYigwana welali yaseNikhwe, eMbizana, ubabonise ityotyombe lakhe abefihla kulo intloko.

Ngaphandle nangaphakathi bekubonakala ukuba asindawo efanele ukuhlala umntu, ngakumbi oneminyaka engamashumi amane kuphela. UYigwana ubalisele iintatheli ukuba uphila ngokuthengisa izinto ezilahliweyo ngoba umama wakhe wasweleka engamenzelanga isazisi - ukungabikho kwaso okwenza kube nzima ukuba afumane umsebenzi.

Xa ebuzwa abantu bakowabo, uthe bakhona - kodwa abamncedi ngoba abamkhathalelanga. "Kuphela kwekhaya endinalo eli," utshilo uYingwana emi esizikithini setyotyombe elakhiwe ngamazinke agcwele izigqopho nomandlalo wakhe obufana nobomi abuphilayo. Wenze umthandazo osinde iintliziyo zabantu abaninzi obukwividiyo ethe tshitshilili kuFacebook.

Ingxelo ithi yiminyaka engaphezulu kweshumi uYigwana ehlala etyotyombeni. UNyembezi uyichaze imeko yakhe kuFacebook. Khange balibazise abantu babetha imali yokuphucula ubomi bakhe. Kwelinye icala kuthe iWinnie Madikizela-Mandela Local Municipality nesebe loHlaliso Lolunto noncedo oluguqule imeko kaYagwana.

Uthenjiswe ngendlu yesibonelelo sikaRhulumente emva koko wathathwa wanikwa indlu yokufihla intloko okwethutyana. Indlu yakhe izaliswe ngeempahla eziquka ibhedi, iingubo, ikhabathi, newodrophu yokubeka iimpahla zakhe. Kuthiwe isebe leZekhaya liza kukhangela indlela yokumenzela isazisi sethutyana.

Uvakalise uchulumanco uYagwana emva kokufumana uncedo. "Ndiyabulela kakhulu kuRhulumente, impilo yam itshintshe kakhulu. Ndibulela nabantu abathe banceda kwimeko ebendikuyo. Ngoku ndinekhaya, ndiphiwe ifenitshala, itanke ndaphiwa neevawutsha. Bekukade kunzima kakhulu, ngoku impilo yam iza kutshintsha.

"Ukusukela namhlanje ndiza kulala endlini ukuya phambili," utshilo uYagwana ekutshone ilanga sele eyithetha ngesilungu imeko asika kuyo ngenxa yokonwaba. USodolophu waseAlfred Nzo District Municipality, uTsileng Sobuthongo, uqinisekisile ukuba uYagwana uza kufumana indlu eza kumnika isidima.

"Siza kuqinisekisa ukuba ufumana indlu. Ndifuna ukubulela uMnu. Nkululeko Nyembezi ozise ngaphambili imeko kaYagwana," utshilo uSobuthongo ocele abantu bokuhlala ukuba basebenzisane noRhulumente ngelithi mabamazise xa kukho abantu abahlelelekileyo kwiindawo abakuzo eAlfred Nzo District.