Iindaba

Amajoni aza kunceda amapolisa kwiinzame zokulwa nolwaphulomthetho

Cwayita Nondula|Published

UMongameli Cyril Ramaphosa ngethuba esenza intetho yobume besizwe.

Image: Henk Kruger / Independent Newspapers

UMongameli uCyril Ramaphosa uthe uza kuthumela amajoni ukuba ayokunceda amapolisa ekulweni nolwaphulomthetho olugqugqisileyo kweli lizwe.

UMongameli Ramaphosa wenze intetho yobume besizwe (SONA) ka2026 ngokuhlwanje kwiholo yesixeko saseKapa eNtshona Koloni. Phakathi kwezinto athethe ngazo, uthethe ngeenzame zokulwa nolwaphulomthetho kweli.

"Ukuze siqinise umlo wethu nobundlobongela bamaqela emigulukudu, ndithumela umkhosi waseMzantsi Afrika ukuba uncede amapolisa, njengoko senze kakuhle kakhulu ukujongana nemigodi engekho mthethweni.

"Ndiyalele uMphathiswa wamaPolisa nomkhosi ukuba benze isicwangciso sobuchule malunga nokuba imikhosi yethu kufuneka ithunyelwe phi kwiintsuku ezimbalwa ezizayo eNtshona Koloni naseGauteng ukujongana nobundlobongela bamaqela emigulukudu nemigodi engekho mthethweni," utshilo uRamaphosa ngexesha lentetho yakhe.

Uthe baphumeza isicwangciso sokujongana nezizathu zolwaphulomthetho ngokusebenzisa iindlela zokungenelela ezilungelelanisweyo kulo lonke uluntu, ukusuka ekukhanyiseni izitalato ukuya ekufikeleleni kwiinkonzo zentlalo.

"Siza kujongana nolwaphulomthetho lwemipu ngokuphucula imithetho nemigaqo malunga neelayisenisi, ukuba nawo nokurhweba ngemipu neembumbulu. Siza kwandisa ukunyanzeliswa kwemithetho ekhoyo yemipu."