UArmando Joaquim Pacula uthi woyikisela ubomi bakhe kwijele yaseGoli iSun City Prison.
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
INkundla kaMantyi yaseGoli ilihlehlisile ityala lokubulala elibandakanya ummi waseMozambique (25) otyholwa ngokubulala uWarrick Stock, owaziwa ngelikaDJ Warras.
Ukuhlehliswa kwetyala kuza emva kokuba uArmando Joaquim Pacula erhoxise isicelo sakhe sebheyile ngoMvulo, exelela inkundla ukuba uceba ukuvuma ityala.
UPacula ujongene namatyala okubulala, iyelenqe lokubulala, nokwaphula umthetho wabaphambukeli i-Immigration Act.
UStock wadutyulwa wabhubha ngaphandle kwesakhiwo saseZambesi edolophini eGoli nge16 kweyoMnga 2025. UPacula kulindeleke ukuba abuyele enkundleni kunye noVictor Mthethwa Majola (44), osele eyalelwe ibheyile.
Kusenjalo, umbuso uqinisekisile enkundleni ukuba idilesi yekhaya ekumatyotyombe aseGermiston ijongiwe, kodwa akukho mntu ufunyenweyo kula dilesi. Kukwavakala ukuba isazisi esanikezelwa umbuso asisiso saseMzantsi Afrika.
"Isazisi sesaseMozambique. Ngoko ke, njengoko kunjalo, umtyholwa ukweli lizwe ngokungekho mthethweni," utshilo umbuso.
Igqwetha likaPacula lithe uPacula uqinisekise ukuba ukho kweli lizwe ngokungekho mthethweni. Udize ezothusayo wathi: "Umntu wam ubonise ukuba usenokulivuma ityala."
Igqwetha lithe kufuneka afumane idokethi ukuze akwazi ukuqinisekisa amatyala aza kuwavuma.
Igqwetha licele inkundla ukuba ingamthumeli uPacula kwijele iSun City eGoli.
"Undazisile ukuba kukho abantu apho ababulele umhlobo wakhe, kwaye uyoyika ukuba angenzakala," litshilo igqwetha likaPacula.
Umbuso uthe sele kwenziwe amalungiselelo okufudusela uPacula kwijele iModderbee Correctional Centre eBenoni.
Eli tyala lihlehliselwe kude kube ngoLwesithathu, umhla we11 kweyoMdumba, ukuze amapolisa aqhubeke nophando lwawo.