Iindaba

Imozulu embi eO.R. Tambo isube imiphefumlo emihlanu

Cwayita Nondula|Published

Kubhubhe abantu abahlanu kummandla waseO.R. Tambo ngenxa yemozulu embi.

Image: iStock

Kuqinisekiswe ukuba abantu abahlanu babhubhile ukuza kuthi ga ngoku kwisithili saseO.R. Tambo ngenxa yemozulu embi kula mmandla kutshanje.

Ngaphandle kokubangela ukubhubha, imozulu embi yonakalise amakhaya ishiya abantu abangaphezu kwekhulu (160) bengenamakhaya kwiiwadi ezahlukeneyo zalo mmandla.

Ngokwengxelo ekhutshwe nguMasipala wesithili saseO.R. Tambo, intwazana (18) iphulukene nobomi bayo emva kokubethwa lizulu ekhayeni layo eBuhlanyanga kwaWadi 12.

KuMasipala waseKing Sabata Dalindyebo, indoda (64) esuka kwilali yaseMatheko kwaWadi 28 ibhubhe emva kokuwa kwesakhiwo ngexesha leendudumo. Yayingaphakathi endlini yommelwane ngexesha apho esi sakhiwo simwela khona, utshilo uMasipala.

Ngelixa kuMasipala waseNyandeni, abantu abathathu babhubhe ngenxa yemozulu embi. Indoda (36) yaseLwandlana kwaWadi 5 ibethwe lizulu ekhayeni layo. KwaWadi 10, umntwana (7) uphulukene nobomi bakhe emva kokubethwa lizulu. Kuqinisekiswe ukuba kukho omnye umntu obhubhileyo kulo Masipala, nto leyo ebeka inani labantu abangasekhoyo kwisithathu kulo Masipala.

USodolophu weSithili saseO.R. Tambo, uMesuli Ngqondwana, uvakalise intlungu ngokulahlekelwa yimiphefumlo. "Sibuhlungu kakhulu kukulahlekelwa kabuhlungu kwabantu abahlanu kwisithili sethu ngenxa yemozulu embi yakutshanje," utshilo uSodolophu Ngqondwana.

"La manani asingomanani nje kuphela, ngabantwana bethu, abazali bethu nabamelwane bethu. Egameni leBhunga noMasipala weSithili saseO.R. Tambo, ndivakalisa amazwi ethu ovelwano kwiintsapho ezilahlekelweyo. Sima nabo ngeli xesha libuhlungu," utshilo.

UNgqondwana uthe bayakhuthazwa ngumoya wobuntu oboniswe luluntu njengoko esithi kwiindawo apho umonakalo ube mkhulu khona, abo bashiyeke bengenamakhaya bahlala kubamelwane babo nezalamane zabo.

UMasipala uqinisekise ukuba amaqela abo olawulo lweentlekele asebenza noomasipala basekuhlaleni namasebe amacandelo, enza uvavanyo futhi aququzelela inkxaso kwabo bachaphazelekileyo.

"Sikhuthaza abahlali ukuba baqhubeke nokukhathalela izilumkiso zemozulu embi kwaye babeke phambili ukhuseleko ngamaxesha onke," utshilo uNgqondwana.