Iindaba

Abalishumi elinesithandathu bagwetywe ubomi ngokuthathela umthetho ezandleni zabo

Cwayita Nondula|Published

Abantu balishumi elinesithandathu baseDebe Nek bagwetywe ubomi ngokuthathela umthetho ezandleni zabo.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Abantu abalishumi elinesithandathu (16) abathathela umthetho ezandleni zabo ngokutshisa abantu abane abatyholwa ngokwenza izenzo zolwaphulomthetho kwilali yaseNdindwa, eDebe Nek, bagwetywe ubomi entolongweni.

Bagwetywe ngoLwesihlanu kwiveki ephelileyo kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhisho. Amapolisa aseMpuma Koloni asamkele isigqibo senkundla.

Amaxhoba amane abuleweyo nguNwabisa Melani (29), Lwando Makinana (30), Ziphozihle Timba (37) noVuyo Lamani (40).

Abo bagwetyiweyo ngaba: uDumisani Mpofana (38), Mluleki Xulu (48), Neliso Nkohla (31), Zwelandile Kitise (53), Nombulelo Bukani Kitise (41), Unathi Khakhalala (28), Bantu Marala (36), Lindi Mbintashe (37), Mfuniseli Mbintashe (65), Mvelisi Xulu (45), Nkosinathi Dyantyi (73), Yanginkosi Solani (41), Nombuzo Binyashe (57), Lungisa Mathana (39), Zandisile Kitisa (71) noThobani Vena (38).

Esi siganeko senzeke ngomhla wamashumi amathathu ananye (31) kweyoMnga ka2022. Amapolisa athi abahlali babambe intlanganiso baza bagqiba ekubeni bathathe umthetho ezandleni zabo ngakubantu ababatyhola ngokuba iintambo zombane nokuphilisa abahlali kakubi.

"Abantu abane bachongwa, bathathwa emakhayeni abo, babethwa, babotshelelwa baze baziswa embindini welali," atshilo amapolisa aseMpuma Koloni.

Emva koko batshiswa baza babhubha. Kuthiwa umntwana oneminyaka elithoba ubudala wabukela ukubulawa kukanina ngexesha lesiganeko.

Amalungu avela kwisikhululo samapolisa saseChungwa aye kwindawo yexhwayelo aza aqalisa uphando ngoko nangoko. Ityala kamva ladluliselwa kwiNkundla ePhakamileyo yaseBhisho ngomhla we11 kweyoKwindla 2024.

Uphando lwalukhokelwa ngumcuphi uMtshemla wesikhululo samapolisa saseChungwa, exhaswa liqela labacuphi. Emva koko abarhanelwa abalishumi elinesithandathu (16) babanjwa, babekwa amatyala baza bagwetywa.

Bonke abatyholwa bagwetywe amatyala alithoba – amatyala amane okubulala (isigwebo sobomi kwityala ngalinye), amatyala amane okuxhwila (iminyaka esibhozo kwityala ngalinye) kunye nelinye ityala lobundlobongela basesidlangalaleni (iminyaka emithathu).

Igosa elibambeleyo lesithili saseAmathole, uBrigadier Zinakile Freddie, uncome amalungu ngokuzinikela kwawo nokusebenza nzima.

"Esi sigwebo sibonisa ukuba ulwaphulomthetho nabantu abathathela izinto ezandleni zabo abayi kunyanyezelwa. Ndincoma amalungu ngokuzinikela kwawo ekuqinisekiseni ubulungisa kumaxhoba," utshilo uBrigadier Freddie. 

Ubongoze amalungu oluntu ukuba angathatheli umthetho ezandleni zawo kodwa axele ulwaphulomthetho emapoliseni.