UBhishophu ongasekhoyo weBantu Church of Christ uJohn Bolana noMongameli uCyril Ramaphosa.
Image: Facebook
Urhulumente waseMpuma Koloni uza kuhlonipha uBhishophu wesihlanu ongasekhoyo weBantu Church of Christ, uJohn Bolana, ngomngcwabo okhethekileyo wephondo okwicandelo lesibini xa eza kubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela ngale Cawa izayo.
UBhishophu uBolana, owayesaziwa ngelikaTata, usweleke eneminyaka engamashumi asibhozo anesibini (82) emva kokugula ixesha elifutshane. Usweleke kwisibhedlele saseGreenacres eGqeberha ngoLwesibini weveki ephelileyo.
Oku kulandela ukuvunywa kwesicelo nguMongameli waseMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, emva kwesicelo seNkulumbuso yeMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, sokuhlonipha lo Bhishophu uswelekileyo, sitshilo isithethi sikarhulumente waseMpuma Koloni, uKhuselwa Rantjie.
INkulumbuso uMabuyane udlulise amazwi akhe ovelwano kusapho lakwaBolana, icawa noluntu ngokulahlekelwa kwabo.
"UBhishophu uBolana wayelilizwi elivakalayo kwaye engumkhonzi wabantu abaphila ubomi bokuzinikela ekholweni, uvelwano nobunye," utshilo uMabuyane.
Uqhube wathi: "Egameni likarhulumente waseMpuma Koloni nabantu balo, ndivakalisa amazwi ovelwano kusapho lakwaBolana nakuluntu lonke lwenkolo. Silahlekelwe yinkokeli yomoya edlale indima ebalulekileyo ekubumbeni uluntu lwethu," utshilo.
Ngempelaveki egqithileyo ngeCawa, uNobhala Jikelele weAfrican National Congress (ANC), uFikile Mbalula, unike imbeko ngokutyelela ikhaya likaBhishophu egameni leqela.
Kwingxelo, isithethi seANC kuzwelonke, uMahlengi Bhengu, uthe bayayiqonda indima edlalwa ziinkokeli zonqulo. "iANC iyayiqonda indima edlalwa ziinkokeli zonqulo ezifana noBhishophu uGqr. John Bolana ekukhuliseni ithemba, ukuqinisa imigaqo ekwabelwana ngayo, nokuqinisa umanyano loluntu, ingakumbi ngamaxesha anzima kwimbali yelizwe. Ukusweleka kwakhe kubonisa ilahleko elikhulu kumanyano lwecawa nakwisizwe siphela," utshilo uBhengu.
UMongameli Ramaphosa naye utyelele ikhaya lalo Bhishophu ongasekhoyo eGqeberha ngoMvulo, apho adlulise amazwi ovelwano kusapho olubhujelweyo.
Kuthiwa iflegi yaseMzantsi Afrika iza kuphephezeliswa ukubonisa intlonipho kuBhishophu uBolana ngomhla womngcwabo wakhe ngeCawa, umhla we15 kweyoMdumba 2026, eGqeberha.