Umntwana omnye usekwimeko emaxongo emva kwesiganeko sokutya ukutya okunetyhefu eMsintsi ngaseNtabozuko.
Image: iStock
Kwisiganeko sokutya ukutya okunetyhefu esenzeke ngempelaveki, esakhokelela ekubhebheni kwabantwana ababini – abantwana abane kubantwana abahlanu ababefumana unyango kwizibhedlele ezibini ezahlukeneyo zaseMonti bakhululwe – ngelixa omnye esekwimeko embi kakhulu.
NgoMgqibelo kule mpelaveki igqithileyo, iSebe lezeMpilo eMpuma Koloni, liqinisekise ukuba abantwana abathandathu baseMsintsi kufutshane naseNtabozuko nomnye wakwaNU 3 eMdantsane babalekiselwe esibhedlele ngenxa yokutya ukutya okunetyhefu. Abantwana abane nabasele bekhululwe esibhedlele, babengeniswe esibhedlele eCecilia Makiwane, ngelixa omnye ekwisibhedlele iFrere.
Aba bantwana, abaneminyaka ephakathi kwemine nesixhenxe ubudala, babonakalise iimpawu eziquka ukugabha, ukurhuda nesiyezi.
Ngokutsho kweSebe, abantwana babetye ukutya okwahlukeneyo, kuquka ipapa, irayisi, iitships neelekese, ngaphambi kokuba bagule.
Ngelishwa, abantwana ababini babhengezwe njengababhubhileyo ngethuba befika esibhedlele. Amaqela ezonyango aseMpuma Koloni athi arhanela ukuba ityhefu eyaziwa ngokuba yi-organophosphate isenokuba ngunobangela wokubhubha kwabantwana ababini nababhubhe emva kokutya izinto ezimnandi abazithenge kwivenkile yesiphaza eMsintsi.
UMphathiswa weSebe lezeMpilo kweli phondo, uNtandokazi Capa, uthe balinde iziphumo zovavanyo yemizimba yaba bantwana [ababhubhileyo] ukuqinisekise unobangela wokubhubha kwabo.
"Kwingxelo endiyifumene kwiqela lezonyango, sicinga ukuba babhujiswe yi-organophosphate, kodwa ayikaqinisekiswa. Yinto nje esiyirhanelayo le, kodwa sithe kwingcali yethu mayibahlole aba bantwana babhubhileyo," utshilo uCapa.
Ngethuba esesibhedlele saseFrere, utata womnye wabantwana ababhubhileyo okwangutata womntwana ofumana unyango olukhethekileyo, uthe usapho luzilela ukulahlekelwa ngumntwana wabo oneminyaka emine ubudala.
"Akukho mazwi okuchaza indlela endiziva ngayo, ukulahlekelwa ngumntwana omnye kubuhlungu kwaye ukuba nomnye umntwana olwela ubomi bakhe yeyona nto imbi kakhulu," utshilo uSinethemba Somyali.
USodolophu woMasipala waseBuffalo City, uPrincess Faku, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zabantwana ababhubhileyo.
"Sifuna ukudlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho zombini, sibuhlungu kakhulu njengoMasipala. Rhoqo ngeveki senza uhlolo lweevenkile zesiphaza, kodwa ngelishwa sizifumana sikule meko kwakhona," utshilo uFaku ethetha neSABC.
UFaku uthe babulela iSebe lezeMpilo nabahlali baseMsintsi ngoncedo lwabo. Uqinisekisile ukuba iivenkile zesiphaza kule ndawo zivaliwe okwethutyana ukuze iSebe lezeMpilo nelikaMasipala lezeMpilo yokusiNgqongileyo lihlole ezi ziphaza.