Ukususela kwinyanga yoKwindla, umvuzo omiselweyo kuzwelonke uza kuba yiR30.23 ngeyure.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
UMphathiswa wezeNgqesho neMisebenzi, uNomakhosazana Meth, kutshanje ubhengeze ukonyuswa komvuzo, iNational Minimum Wage (NMW), kulo nyaka ka2026, ukusuka kwiR28.79 ukuya kwiR30.23 ngeyure nganye esetyenzwayo.
"Ngomhla wokuqala kweyoKwindla 2026 ngumhla olu tshintsho oluya kwenzeka ngawo. Ukunyuka ngeR1.44 kuza kunceda bonke abasebenzi, kuquka abasebenzi basefama abasesichengeni nabasebenzi basekhaya," utshilo uMphathiswa kwingxelo ngoLwesibini.
Abasebenzi abangazuzuza kukonyuka kweNMW ngabaqeshwe phantsi kwenkqubo ye-Expanded Public Works Programme (EPWP). Ngenxa yokuba abasebenzi be-EPWP baqeshwe phantsi kwemiqathango ekhethekileyo, uhlengahlengiso lwabo luza kunyuka ukusuka kwiR15.16 ngeyure ukuya kwiR16.62 ngeyure.
ICongress of South African Trade Unions (COSATU) iyamkele olu nyuko lwemivuzo. Ethetha ngexesha lodliwanondlebe kunomathotholo, isithethi seCOSATU, uZanele Sabela, uthe nangona becebise ukuba kunyuswe nangakumbi, bayalwamkela olu tshintsho.
"Abasebenzi be-EPWP basahlawulwa iR16.62 kuphela kwaye kufanele ukuba bafikelele kwinqanaba apho wonke umntu akhoyo.
"iEPWP yenze okuninzi, ikhuphe abasebenzi abamalunga nezigidi ezintandathu kubuhlwempu – oku bekujoliswe kubasebenzi basefama, abasebenzi basekhaya, abo basebenza kwicandelo lokwakha, lokuthengisa, lezothutho, lokhathelelo lweendwendwe, lezokhuseleko nelokucoca – abanye babo ababefumana imali encinci njengeR6 ngeyure," utshilo uSabela.
Umthetho weNMW usebenza kubo bonke abasebenzi kunye nabaqeshi babo ngaphandle kwamalungu omkhosi waseMzantsi Afrika, iNational Intelligence Agency neSouth African Secret Service.
Lo mthetho awusebenzi nakumntu osebenza njengevolontiya, ngokutsho kweSebe.