IWalter Sisulu University (WSU) Rural Clinical School ivulwe ngokusesikweni eSt Elizabeth Regional Hospital eLusikisiki.
Image: ECDoH
Kwiinzame zokuqinisa iinkonzo zempilo zasemaphandleni noqeqesho, iWalter Sisulu University (WSU) Rural Clinical School ivulwe ngokusesikweni eSt Elizabeth Regional Hospital eLusikisiki ngoLwesithathu wale veki.
UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, kunye neNgqonyela yeYunivesithi yaseWalter Sisulu, uGqr. Thandi Mgwebi, bavule ngokusesikweni eli ziko kumsitho obubanjelwe kwiziko iLusikisiki Health Resource Centre eLusikisiki owawuzinyaswe ngamasebe karhulumente, iinkokheli zasekuhlaleni, zephondo nezikazwelonke, iinkokheli zemveli, abasebenzi bezempilo, izifundiswa, abafundi, abasebenzi beyunivesithi nabahlali.
UMphathiswa uCapa ugxininise ukuba iSebe lobuGqirha leYunivesithi yaseWalter Sisulu lisoloko likhokela uphuhliso lwemfundo yenzululwazi yezempilo noqeqesho lwezonyango lwasemaphandleni eMzantsi Afrika.
"Ngabokuqala ukuseka iziko lezempilo nelophandonzulu lwehlabathi," utshilo uCapa. Uthe ezi mpumelelo zembali zifezekisiwe apha eMpuma Koloni, nto leyo ebonisa ukuba ukugqwesa kwimfundo yezonyango kunokwakhiwa kwaye kuqhubeke kwiindawo zasemaphandleni.
Ngelixa uGqr. Mgwebi ethe le nkqubo ibonisa ukuzinikela kweyunivesithi. "Esi sikolo sasemaphandleni asiyonkqubo nje esiyisungulayo, kodwa sisibhengezo sokuzinikela esibonakaliswa ziinjongo zethu njengeyunivesithi zokuba sizinikele ekukhonzeni.
"Ngethuba ndiqala ukusebenza kule yunivesithi, ndathi siza kuqinisa utshintsho kunye nokuphendula ngokwentlalo, kwaye le nkqubo yenza loo nto," itshilo iNgqonyela uGqr. Mgwebi.
UGqr. Mgwebi ukwathe le nkqubo ibonisa inkolelo engagungqiyo yeyunivesithi yokuba ukugqwesa kwimfundo ephakamileyo kufuneka kungabi nakwahlulwa kukubaluleka kunye nefuthe, futhi noxanduva kuluntu, ingakumbi kuluntu lwasemaphandleni nolwalubekelwe bucala kwimbali.
UMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa (ekunene), kunye neNgqonyela yeYunivesithi yaseWalter Sisulu, uGqr. Thandi Mgwebi (ekhohlo).
Image: ECDoH
Abafundi abalishumi abenza izifundo zobugqirha nabenza unyaka wabo wokugqibela eWSU babekwe kule nkqubo.
Umfundi wezifundo zobugqirha okunyaka wokugqibela, uLebeko Kabelo Edmond Madike, nongomnye wabafundi abalishumi abafakwe kule WSU Rural Clinical School eSt Elizabeth Regional Hospital eLusikisiki, uvakalise uvuyo lwakhe lokuba yinxalenye yale nkqubo.
"NdingowaseLimpopo, ngenxa yeYunivesithi yaseWalter Sisulu, ndiyayazi iMpuma Koloni ngaphezu kwephondo lam ... iWSU yenye yamaziko okuqala ukuvelisa oogqirha abamnyama baseAfrika. Namhlanje ndiyavuya ukuba yinxalenye yekamva leWSU Rural Clinical School," utshilo.
Omnye umfundi okunyaka wokugqibela kwizifundo zobugqirha, uSibabalo Mvango wakwaBhaca, naye oyinxalenye yale nkqubo, uthi le nkqubo iza kuba nefuthe elikhulu.
"Ndiziva ndinelunda kakhulu ukuba yinxalenye yale nkqubo, ndikholelwa ukuba iza kuba nefuthe elikhulu kuthi njengokuba iza kuba nefuthe kulo lonke elaseLusikisiki," utshilo uMvango.
Ethetha egameni lobunkokeli bemveli, uKumkani uDaluxolo Sigcau, ubulele wonke umntu obezimase ukusungulwa kweli ziko. Ukwabamkele aba gqirha abangabafundi waza wathembisa ukuba akukho mntu uzokuba hlukumeza.
Ukusungulwa kweli ziko kubonisa inyathelo elikhulu ekuqiniseni iinkonzo zempilo zasemaphandleni, ukwandisa amathuba oqeqesho lwezonyango, nokuphucula ukufikelela kunyango olusemgangathweni kuluntu olukulo mmandla.