USihlalo weANC, uLubabalo Mabuyane, uxelele amaqabane wakhe ukuba urhwaphilizo aluzukunyanyelwa koomasipala.
Image: ANC EC / Facebook
USihlalo weAfrican National Congress (ANC) eMpuma Koloni, uLubabalo Mabuyane, ucele amaqabane wakhe ukuba mabohlukane neethenda norhwaphilizo koomasipala. OkaMabuyane ukuthethe oku ngethuba evala intlanganiso yeANC yesigqeba esilawulayo ephondweni ethathe iintsuku ezimbini eMonti ekuqaleni kwale veki.
Baliqela oomasipala abaduda ndawonye ngenxa yolawulo oluhexayo phantsi kweANC kwiphondo leMpuma Koloni. Umyalezo wakhe ufika kanye xa imibutho yezopolitiko imaxhaphetshu igaya ivoti phambi kolonyo loomasipala ekulindeleke lubanjwe ungaphelanga lo nyaka.
"Maqabane, masiqinise isandla singalunyamezeli urhwaphilizo ngoba lufana nokungcatsha abantu futhi lutheza amandla iANC," utshilo uMabuyane ekuthiwa ugxeleshe isikhundla sikaSihlalo ityeli lesithathu kwinkomfa eza kube ikwinyanga ezayo.
"Urhwaphilizo lenza kube nzima ukuthenjwa kweANC, kungxenga nenkqubo yethu yophuhliso. Kufuneka sithumele umyalezo othi alunayo indawo urhwaphilizo ngoba iMpuma Koloni ibeka phambili ulawulo olungenalo ichaphaza kurhulumente wephondo nakoomasipala," utshilo uMabuyane.
Kulindeleke iANC ijongane nabantu abanolaka ngenxa yokuqhwalela kweenkonzo eziquka amanzi, iindlela nolwaphulomthetho kwiindawo ezininzi ephondweni. Oomasipala abakhulu abaquka iNelson Mandela Metro neBuffalo City Metro baxikixwa kukungabikho kakuhle kwamanzi nombane kwiindawo ezithile.
Le nkokeli yeANC kwiphondo leMpuma Koloni ithe abantu abathunyiweyo mabenze umsebenzi bangangxabalazi emva koko iye yaqhayisa ngamasebe kaRhulumente wephondo afumene uphicotho leencwadi olungenachaphaza.
"Sifuna ukulungisa oomasipala njengoko siyalelwe yiANC. Senza iinzame eziza kuxhasa oomasipala bethu ukuze basebenze kakuhle. Wonke umntu osesikhundleni makaliqonde kakuhle uxanduva ajongene nalo. Ingxaki ezikoomasipala zenziwa sithi. Masohlukane neethenda, nokuba uziva njani na ngazo.
"Masinikeni umkhombandlela ukuze sikwazi ukungenelela xa kusonakala. Ngeke sikwazi ukulungisa xa siphakathi kwiingxaki zoomasipala. Umntu onguSodolophu makacace, onguSomlomo naye makacace. Musani ukugqoloda nibe nitsiba imigca, ungene ngapha nangapha. Hlala kule ndawo ubuyifunile," utshilo uMabuyane.