Iindaba

Kubhubhe ababini, konzakala abane eMfuleni

Cwayita Nondula|Published

Abantu ababini baswelekile kwaye abane bonzakele kwisiganeko sokudubulana esenzeke eMfuleni, eKapa.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Amapolisa aseKapa aqalise uphando kulandela esinye isiganeko sokudubulana kwilokishi yaseMfuleni, esishiye abantu ababini beswelekile kwaye abanye abane benzakele.

Esi siganeko senzeke ngoLwesithathu kusasa kwindlu eseShire Street, e-Extension 6. Ngokweengxelo zokuqala, isizathu sohlaselo kukholelwa ukuba sinxulumene namaqela ezigebenga.

Kuthiwa indoda nowasetyhini babhengezwe njengabaswelekileyo kwindawo yexhwayelo, futhi amanye amaxhoba amane athathwa asiwa kwiziko lezonyango ukuze afumane unyango. Amaxhoba aphakathi kweminyaka elishumi elinesithoba (19) ukuya kwengamashumi amane anesithoba (49) ubudala.

Isithethi samapolisa aseNtshona Koloni, uFC van Wyk, uqinisekisile ukuba akukho mntu ubanjiweyo okwangoku.

Abasemagunyeni baye baziswa ngesiganeko. "Ngokweengxelo zethu, amapolisa awayesemsebenzini afumene isikhalazo esivela kwisixhobo sabo sikanomathotholo malunga nokudubulana kwidilesi ekhankanyiweyo," utshilo uVan Wyk.

Uqhube wathi: "Bakufika kwindawo yexhwayelo, bagangwa yimizimba yabantu ababini abadutyulweyo. Bonke abo bathe bonzakala basiwe kwizibhedlele ezibini ezikufutshane ukuze bafumane unyango."

UVan Wyk uthe amapolisa aphanda amatyala amabini okubulala namatyala amane okuzama ukubulala.