Iindaba

Babanjiwe ababini abafunyanwe negusha ebiweyo ixheliwe

Cwayita Nondula|Published

Iigusha ezibiweyo ezifunyenwe ngamapolisa.

Image: SAPS

Abarhanelwa ababini bafunyenwe neegusha ezibiweyo phakathi kwaseLady Grey naseBarkly East – iigusha ezinthathu eziphilayo nenye exheliweyo – babanjiwe kwaye baza kuvela enkundleni ngomso.

Oku kuza emva kokuba amapolisa aseMpuma Koloni ebesenza umsebenzi wokuqhuba iphulo lokulwa nokubiwa kwemfuyo kweli phondo. Amapolisa afumene ulwazi malunga nemoto ethwele infuyo ebiweyo kwindlela uR58 phakathi kwaseLady Grey naseBarkly East.

Ngokwengxelo yamapolisa, umqhubi wemoto wothula abarhanelwa ababini kunye neegusha ezine ecaleni kwendlela, waza wathi akubona amapolisa, waqhuba imoto waya ngaseSterkspruit.

Kamva imoto yafunyanwa ishiywe ecaleni kwendlela.

Abarhanelwa ababini, abaneminyaka engamashumi amathathu ananye (31) namashumi amathathu anesithandathu (36), bafunyenwe ecaleni kwendlela kunye nezi gusha.

Babanjiwe kwaye baza kuvela phambi kweNkundla kaMantyi yaseLady Grey ngoLwesine, umhla wesihlanu kweyoMdumba 2026.