Iindaba

Amapolisa nabantu baseMotherwell baqinisa iphulo lokuthintela ulwaphulomthetho!

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa aseMotherwell kutshanje adibene noluntu kwiinzame zokuqinisa ubudlelwane nokulwa nolwaphulomthetho.

Image: SAPS

Ngelinge lokuqinisa ubudlelwane phakathi kwamapolisa noluntu, amapolisa aseMotherwell abambe intlanganiso nabahlali baseSector 1, NU 29, ngoMvulo, umhla wesibini kweyoMdumba 2026. Eli phulo belijolise ekukhuthazeni intsebenziswano phakathi kwamapolisa asekuhlaleni noluntu, ingakumbi ngenxa yokwanda kwenkxalabo malunga nabantu abathathela umthetho ezandleni zabo nezinye izenzo zolwaphulomthetho.

Le ntlanganiso igxile ekuthinteleni uluntu ukuba lungathathi umthetho ezandleni zalo futhi igxininise ukubaluleka kokusebenza kunye namapolisa endaweni yabantu abazenzela intando yabo.

Izinto eziphambili ezixoxiweyo ziquka iingozi zokuthenga impahla ebiweyo, ubundlobongela obusekelwe kwisini (GBV), iithaveni ezisemthethweni nezingekho mthethweni, iindawo zokuthengisa iziyobisi, kunye neenkqubo ezichanekileyo zokuxela izenzo zolwaphulomthetho.

Abahlali bakhuthazwe ukuba baxele ulwaphulomthetho kwaye basebenzisane namapolisa ukudala indawo ekhuselekileyo.

"Ukuzibandakanya noluntu kuhlala kuyintsika ebalulekileyo ekulweni nolwaphulomthetho, njengoko kwakha ithemba, kuphucula unxibelelwano, futhi kukhuthaza abahlali ukuba bathathe inxaxheba ngokukhutheleyo kumanyathelo okuthintela ulwaphulomthetho," atshilo amapolisa kwingxelo.