ISebe lezeMpilo laseMpuma Koloni lamkele abasebenzi bezempilo abangamashumi amahlanu kwisibhedlele saseFrere eMonti kutshanje.
Image: ECDoH
NgoMvulo wale veki, uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, wamkele ngokusesikweni iingcali zempilo ezingamashumi amahlanu ezisandula kuqeshwa kwisibhedlele saseFrere eMonti.
Phakathi kwaba basandul’ ukuqeshwa kukho uChulumanco Nteyi, umongikazi kwicandelo lezonyango lwabantwana, ochwayitileyo. Ekubeni ebengaphangeli kunyaka ophelileyo, uNteyi wabelane ngovuyo lwakhe lokufumana umsebenzi eFrere.
"Ndiyakuthanda kakhulu ukuba ngumongikazi kwaye ndiyathembisa ukuba kuza kubakho utshintsho ngoku kuba kukho oomongikazi abaninzi abaqeshiweyo," utshilo.
Omnye umntu oqeshiweyo yingcali yezempilo uGqr. Jeff John obekwe njengeNtloko yeSebe leUrology.
"Lo ngumbono esawuqala kwiminyaka emihlanu eyadlulayo xa ndandifika apha. Izinto ezintsha notshintsho ziphucule ukhathalelo lwezigulane, kum eyona nto inkulu enika lonke iqela ukuqiniseka nomkhombandlela njengesebe liqela elincomekayo loogqirha kwakunye neqela elimangalisayo loomongikazi," utshilo uGqr. John.
Woleke wathi, "Bendingasoze ndifake isicelo sengqesho kwesi sikhundla ukuba bendingakholelwa ukuba ndingakwazi ukufaka isandla ekwenzeni umahluko kubantu baseMpuma Koloni."
UGqr. Neil, owaqala ukusebenza kwicandelo lezempilo kwisibhedlele saseFrere njengomfundi oqeqeshwayo, ngoku uqeshwe njengeNtloko yeSebe leAnaesthesia. Uthe uceba ukuqinisa ukugqwesa kwezonyango.
"Umbono wam ngesebe kukwakha isebe elinobudlelwane obuhle obomeleleyo nenkqubo yezemfundo encomekayo kunye nokukhonza abantu bethu," utshilo.
Abanye bebesebenza kwesi sibhedlele okokuqala, uGqr. Amos Cingwana ubonakalise uvuyo lwakhe ngosuku lwakhe lokuqala emsebenzini kwesi sibhedlele.
"Oku kuthetha lukhulu kum kuba abantu bajongene nobunzima bokungasebenzi."
Ukuqeshwa kwezi ngcali kwenziwe ngesicwangciso seSebe esaziwe njengeAnnual Recruitment Plan (ARP), kwaye kwaxhaswa ngemali ngokusebenzisa isibonele seNational Tertiary Services Grant nenkxasomali yoMphathiswa, apho iFrere ikwazile ukufumana abantu abafunekayo kuzo zonke izikhundla ezibalulekileyo ezichongiweyo, liqinisekise latsho iSebe.