Lihlehlisiwe ityala ngakuArmindo Pacula oyanyaniswa nokubulawa kukaDJ Warras.
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
Ityala ngakumrhanelwa wesibini oyanyaniswa nokubulawa kukaWarrick “DJ Warras” Stock lihlehlisiwe.
UArmindo Pacula, 25, uvele kwiNkundla kaMantyi yaseGoli kusasa ngoMvulo ngezityholo zokubulala ngendlela ecwangcisiweyo, iyelenqe lokubulala, nokwaphula umthetho wabaphambukeli weImmigration Act.
Lo mmi waseMozambique ubanjwe ngoLwesihlanu ngokuhlwa kwiveki ephelileyo kumatyotyombe aseMarathon eGermiston, eKurhuleni.
Ityala likaPacula lihlehliselwe umhla wesithoba kweyoMdumba ukuze amapolisa aqinisekise idilesi yakhe, ipasipoti namanye amaxwebhu afunwayo.
Umrhanelwa wokuqala, uVictor Majola, uyalelwe ibheyile kwiveki ephelileyo ngoMvulo kwaye uza kuvela kwakhona enkundleni ngomhla we11 kweyoMdumba. UMajola ujongene namatyala okubulala, iyelenqe lokubulala nokubulala ngendlela ecwangcisiweyo.
Umsasazi nosomashishini odumileyo uDJ Warras, wadutyulwa wabulawa ngaphandle kwesakhiwo saseZambesi eGoli ngomhla we16 kweyoMnga 2025.
Ukudutyulwa kukaDJ Warras kuyamaniswa nomsebenzi wakhe kwesi sakhiwo njengoko inkampani yakhe yokhuseleko yayiqeshwe ukuba inikeze ngeenkonzo kwesi sakhiwo apho kwakukho abantu abangawuthobeliyo umthetho wokuhlawula irenti.