Iindaba

Ikomiti kaMasipala waseBitou iza kuphanda uKolwapi

Cwayita Nondula|Published

Ikomiti yangaphakathi kuMasipala waseBitou iza kuphanda ngesiganeko sokudubula esibandakanya uNokuzola Kolwapi.

Image: Screenshot

UMasipala waseBitou ePlettenberg Bay, eNtshona Koloni, uthi ikomiti yangaphakathi inikwe umsebenzi wokuphanda nokunika ingxelo phambi kwebhunga kunye neengcebiso zayo malunga nesiganeko sokudubula esibandakanya uSekela Sodolophu uNokuzola Kolwapi.

UKolwapi, okwanguMongameli weIkhwezi Political Movement (IPM), wabangundabamlonyeni emva kokubonwa kwiividiyo ezasasazeka kumakhasi onxibelelwano edubula umpu emoyeni ngexesha lomgidi wonyana wakhe kweyoMnga kunyaka ophelileyo.

Wabanga ngelithi umpu wawuyithoyi. Kwintlanganiso yebhunga yakutshanje, uKolwapi wanikwa iintsuku ezisixhenxe ukuba aphendule kwizityholo zokudubula umpu esidlangalaleni.

"Ukusukela namhlanje, umhla wokuqala kweyoMdumba 2026, uSomlomo ulinde impendulo kaSekela Sodolophu, eza kunikwa ngamagqwetha akhe," utshilo uMphathi obambeleyo kuMasipala waseBitou, uChristopher Lungelo Mapeyi.

UMapeyi uphinde waqinisekisa ukuba kwintlanganiso elandelayo yebhunga, kuza kusekwa ikomiti eza kuphanda ngakumbi ngalo mba. Uthe emva kokuba ingxelo ithiwe thaca kunye neengcebiso, uSomlomo uza kuyithumela kuMphathiswa wooRhulumente baseKhaya, uMnu. Anton Bredell.

UMasipala uthe ujongene nalo mba ngaphakathi kwaye akanakuwugqitha ngaphaya kwegunya lawo ngoba ukwaphethwe nangabanye abasemagunyeni, kuquka amapolisa neGunyabantu lezoTshutshiso.

Ukongeza kwiintetha zakhe ezithi la mpu wawuyithoyi, uKolwapi wathi ezithethelela ngaphambili: "Ngenxa yokuba esi senzo senziwe ngumntu obhinqileyo siye sabakhathaza abanye kwaye indlela abapendule ngayo ifuna ukuqwalaselwa. Kangangezizukulwana, amandla, igunya lamasiko kunye neempawu zoluntu kudala zachazwa ngokungqongqo ngamadoda."