Iindaba

UThabo Bester uthunyelwe kwintolongo yaseBongweni eKokstad

Cwayita Nondula|Published

UThabo Bester ogwetyelwe ukubulala nokudlwengula.

Image: Oupa Mokoena / Independent Newspapers

ISebe leeNkonzo zoLuleko (DCS) liqinisekisile ukuba uThabo Bester, ogwetyelwe ukubulala nokudlwengula, ufuduselwe kwintolongo yaseBongweni eKokstad, KwaZulu-Natal, esuka kwintolongo iKgosi Mampuru esePitoli.

Oku kuqinisekiswe sisithethi seli Sebe, uSingabakho Nxumalo, namhlanje ngoLwesihlanu. Intolongo uBester athunyelwa kuyo yileyo kanye akuyo usomashishini otyholwa ngokubulala uVusimuzi 'Cat' Matlala.

UBester waba ngundabamlonyeni emva kokuqhwesha entolongweni eMangaung Correctional Centre ngo2022, emva kokuba ezenze ngathi ubhubhile ngelixa edontsa isigwebo sobomi.

Wabanjwa kwakhona eTanzania ngo2023. UBester wayolandwa eTanzania kunye nesithandwa sakhe, uGqirha Nandipha Magudumana, oquqa enkundleni elwela ukubuyiselwa kwakhe kwela lizwe, athi kakungekho mthethweni.

UBester nabantu atyholwa nabo abasibhozo bajongene namatyala amaninzi anxulumene nokuqhwesha entolongweni.

UNxumalo ucacisile ukuba ukuthunyelwa kwamabanjwa yinto eqhelekileyo ekhokelwa luvavanyo lwemningcipheko wokhuseleko.

“Umoni uza kuqhubeka nokufumana ukhathalelo olufanelekileyo ngokuhambelana nemithetho nemigaqonkqubo efanelekileyo kwaye uza kuqhubeka nokufikelela ngokupheleleyo kummeli, unxibelelwano nosapho, neenkqubo zenkundla.

“Zonke izicwangciso ezifunekayo ziya kuhlala zikhona ukuqinisekisa ukuba ukuvela enkundleni neenkqubo zomthetho ziyaqhubeka ngaphandle kokuphazamiseka,” ucacise watsho uNxumalo.

Ityala labo licwangciselwe inyanga yoKwindla 2026 kwiNkundla ePhakamileyo yaseBloemfontein.