Iindaba

Ingxaki yamanzi eGqeberha ibonakalisa ukungalingani okukhulu, itsho iSACP

Cwayita Nondula|Published

Abahlali bommandla waseNelson Mandela Bay besikha amanzi kwiloli yamanzi.

Image: Nelson Mandela Municipality

ISouth African Communist Party (SACP) kwisithili saseMbuyiselo Ngqendwa ivakalise inkxalabo enkulu malunga nokwanda kwengxaki yamanzi eGqeberha, isithi yimbonakaliso ecacileyo yokungalingani koluntu okuqhubekekayo kulo mmandla.

Isithethi seSACP kwisithili saseMbuyiselo Ngqendwa, uThanduxolo Mkutu, uthe le ngxaki ayipheleli nje kwimibhobho emoshakeleyo okanye amanqanaba aphantsi edama, "ibonisa ngokucacileyo ukuba ngubani okhonzwa nguMasipala waseNelson Mandela Bay ngokwenene, kwaye ngubani obandezelekayo."

"Ingxaki yamanzi isinyanzela ukuba sibuze umbuzo obalulekileyo: Ngubomi boobani obubalulekileyo kwesi sixeko? Kuluntu oluninzi, ingakumbi kwiilokishi nakumatyotyombe, ukuvalwa kwamanzi kuye kwaba yinto eqhelekileyo. Ezinye iindawo zihlala zingenamanzi kangangeentsuku okanye iiveki. Iintsapho zinyanzeleka ukuba zilinde iiloli zamanzi, zixhomekeke kubamelwane, okanye zihlawulele amanzi ezingenako ukuwathenga," utshilo uMkutu.

Uthe le meko ichaphazela impilo nesidima sabantu. "Abasetyhini, abantwana, abantu abadala, nabagulayo ngabona babandezeleka kakhulu. Le ayisiyongxaki intsha. Yinxalenye yembali ende yokungalingani okwadalwa lucalucalulo kwaye kuqhubeka nenkqubo yangoku," utshilo uMkutu, othi imikhwa efanayo neyexesha localucalulo isekho nanamhlanje apho abantu abamnyama benikwa ngabom iinkonzo ezingafanelekanga.

"Ayikokokuqala iGqeberha ijongene nengxaki yamanzi. Iimbalela zangaphambili zibonise indlela uluntu oluhlwempuzekileyo olubandezeleka ngayo. Kodwa umasipala uye wasilela ukusebenzisa iziganeko ezidlulileyo ukuze afunde kuzo."

UMkutu uthe nangona abantu bexelelwa ukuba bonge amanzi futhi bamkele ukunqongophala kwamanzi, amashishini amakhulu nemizimveliso iyaqhubeka nokufumana amanzi ngaphandle kokuphazamiseka okukhulu. "Ezi nkampani zisebenzisa amanzi amaninzi ukuze zenze inzuzo, kodwa azifane zivalelwe amanzi," utshilo.

"Ukusombulula le ngxaki kufuna okungaphezulu kokulungiswa [kweziseko]. Kufuna utshintsho olupheleleyo kwindlela amanzi aphathwa ngayo. Amanzi kufuneka athathwe njengelungelo elisisiseko lomntu, hayi njengento ethengiswayo.

"Oku kuthetha ucwangciso olufanelekileyo, ukusetyenziswa ngokunyanisekileyo kwemali karhulumente, ukubandakanyeka koluntu, nokuphendula ngokwenene. Imibutho yoluntu nemibutho yabasebenzi kufuneka idlale indima ephambili ekulweni ukuba namanzi," utshilo uMkutu. 

Imeko yamanzi kwindawo yaseNelson Mandela Bay ibimbi kakhulu, emva kokuba uluntu lungenamanzi iintsuku zilandelelana nombane kwezinye iindawo, kulandela ukuwa kwezakhiwo zombane. Amagosa kamasipala athe ukuwa kwazo kubangelwa kakhulu kukonakaliswa kweziseko, imozulu embi nokuba kwimeko embi ngenxa yokuba izakhiwo zindala.

Umasipala umane ngokuthumela iiloli zamanzi kwiindawo apho kungekho manzi khona ukuze abahlali bakwazi ukukha amanzi ukuze bawasebenzise emakhayeni abo.

Kutshanje umasipala ube nentlanganiso yeqela lephondo elijongene nembalela nekuxoxwe ngeenzame ezilungelelanisweyo nokungenelela okujolise ekuqiniseni ukhuseleko lwamanzi nokuphendula kwimbalela kumasipala wonke.

Ethetha ngale ntlanganiso, uSodolophu woMasipala waseNelson Mandela Bay, uBabalwa Lobishe, uthe intlanganiso ihambe kakuhle.

"Sibe nentlanganiso eyimpumelelo neSebe lezaManzi noGutyulo; singathanda ukubulela uMphathiswa uPemmy Majodina ngokuthumela igqiza lakhe. Sixoxe ngendlela esiza kujongana ngayo nokunciphiswa kwamanzi, ukongiwa kwamanzi nokuvula iziko eliza kujongana namanqanaba amanzi ethu, indlela amanzi ahamba ngayo nendlela esinokuyithintela ngayo ukuvuza kwamanzi kwisixeko.

"Siyabulela ukuba le seshoni ivelise iziphumo ezintle kwaye ikamva libonakala liqaqambile futhi linomtsalane ngakumbi xa sisazi ukuba singafikelela kumanzi amaninzi, kodwa oko kuya kufuneka ukuba uluntu lwethu lulandele imigaqo ethi umntu ngamnye angasebenzisi ngaphezulu kweelitha ezingamashumi amahlanu zamanzi," utshilo uSodolophu uLobishe.

Ucebise abantu ukuba bonge amanzi ngalo lonke ixesha ngokuxela iimpompo ezivuzayo kwaye bangasebenzisi amanzi asendlini ukwenza ichibi lokudada, endaweni yoko uthe abantu mabaye kumadama, amachibi okudada kawonkewonke okanye elwandle ukuze baqubhe.