UNosunday Mphamba ngutitshalakazi ozalelwe eNgqeleni - kodwa ofundisa kwisikolo saseCarletonville, eGauteng.
Image: Uthunyelwe
Inenekazi eliphuma kwidolophana encinci ekuthiwa yiNgqeleni lenza ezibukwayo kwicandelo lezemfundo kwiphondo laseGauteng. UNosunday Mphamba ubhale iincwadi zembali ngokuba ngomnye wootitshala abasisibane esikhanya kakhulu ngokuvelisa iziphumo zeMatriki ezihle kunyaka ka2025.
Yiminyaka esibhozo epaselwa ngabantwana bakhe bonke (100%) esikolweni sakhe, Imfundo Secondary School, eFochville, eCarletonville - apho ahlohla khona ulwimi lesiXhosa. Njengabantu abaninzi, uMphamba wayinikela umva iMpuma Koloni ngenxa yokunqaba kwamathuba engqesho.
Wafika esikolweni saseCarletonville engazi namnye umntu. Ubomi baqala banzima kuye ngoba wayesendaweni engenabantu abaqhelileyo - kodwa inkxaso awayifumana kumagosa emfundo yamomeleza watsho wakwazi ukuzinza emsebenzini.
Ukusukela ngoko, uMphamba zange ajonge ngasemva. Ngoku ulithemba eGauteng ngoba abantwana bakhe basoloko besipasa bonke isiXhosa. "Akululanga ukufundisa abantwana isiXhosa babe bekhule bethetha ezinye iilwimi. IsiXhosa basigqibela emagumbini okufundela, kanti ezitalatweni bathetha ezinye iilwimi," utshilo uMphamba ofundisa uGrade 8 ukuya kuGrade 12 esinaleni.
UMphamba waseZixambuzi, eNgqeleni, wafunda eLuthambo J.S.S. naseDalibunga CHS phambi kokufumana uqeqesho lobutitshala eWalter Sisulu University ngonyaka ka2015. Ethetha nentatheli yeli phephandaba, utitshalakazi ubalule ukuthanda kwakhe abantwana njengeyona nto ephambili.
"Ndiyabathanda abantwana futhi kuyandonwabisa ukubabona bephumelela. Konelisa ngakumbi ukubabona bekhula beba zizinto abafuna ukuba zizo," utshilo uMphamba owaqala ukufundisa eSikhoma J.S.S. naseMsolo J.S.S. phambi kokugqwesa kwisikolo saseFochville.
Ezinye zezinto akhale ngazo athe ziwenza nzima umsebenzi wootitshala kukufundisa abantwana abangonwabanga ngenxa yeengxaki abathubeleza kuzo emakhayeni wabo nobundlobongela obuthe tshitshilili ezikolweni zaseMzantsi Afrika. Kodwa nangona kunjalo, uMphamba uyakwazi ukuvelisa iziphumo ezincomekayo unyaka nonyaka.
"Kundonwabisile kakhulu ukufumana iziphumo ezihle futhi ndikhuthazekile kakhulu. Ndakhe ndafuna ukunikezela ekuqaleni kwam - kodwa ndathi ndakucinga indlela endasokola ngayo ukuze ndifumane umsebenzi, ndabona ukuba mandinyamezele," uvale ngaloo mazwi uMphamba.