UJulius Malema exhagwe ziinkokeli ze-Economic Freedon Fighters kwiveki ephelileyo eMonti.
Image: Pedro Mapelo/ I'solezwe lesiXhosa
Inkokeli yombutho wezopolitiko ophikisayo, uJulius Malema, ithi ayinalo uloyiko lokuhlala entolongweni yatsho ityhola iAfriForum ngokuzama ukumvala umlomo.
UMalema ukuthethe oku ngethuba ewisa intetho yakhe kwizihlwele zamalungu wombutho wakhe abebephume ngobuninzi besuka kumaphondo onke bezokumxhasa etyaleni lakhe.
Le nkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) ivele enkundleni ngoLwesihlnu odlulileyo eMonti - apho kuqalwe khona iingxoxo ezihlakulelwa isigwebo emva kokufunyanwa inetyala lokudubula umpu endaweni enabantu abaninzi.
UMalema wamangalelwa yiAfriForum emva kokudubula umpu phezulu emsithweni wokubhiyozela iminyaka emihlanu eMdantsane ngonyaka ka2018. Wakhanyela ngelithi yena wadubula umpu oyithoyi noxa efunyenwe enetyala kunyaka ophelileyo.
"Siphantsi kohlaselo ngoba sithi abamele abantu abamnyama. Yiyo kuphela iEFF emanyelwayo ngabantu abamnyama," utshilo uMalema phambi kokuxelela inyambalala yabantu ukuba iEFF iyoyikwa ngabantu abamhlophe ngoba yiyo kuphela ethenjwayo ngabantu abamnyama.
"Abantu abamhlophe basimangalele ngoba abamfuni umntu ophikisana nabo. Bafuna ukwenza umzekelo ngathi. Ndakuhlala ndingumzekelo ndide ndiyokufa ke mna. Soze ndibuye umva futhi soze ndivalwe umlomo ngabantu abamhlophe.
"Akukho jele engandenza ndizilahle iimbono zam, nokufa ngaphezulu. Akukho mntu oza kundoyikisa ndide ndiguquke. Ndimnyama futhi ndiyaziqhenya," utshilo uMalema emva kweengxoxo eziqingqithe imini yonke enkundleni yaseMonti.
Uthe iAfriForum isebenzisa inkundla ngoba ibaleka ingxoxo yepolitiki wongeza ngelithi abantu bayo baya kuze bagityiselwe entolongweni mhla kwaphatha iEFF.
"Mabathandaze kungaze kuphathe iEFF ngoba mhla yaphatha, siza kuwavalela onke amalungu weAfriForum ngoba ngabanqolobi, awuchasile uMzantsi Afrika okhululekileyo," utshilo uMalema oza kubuyela enkundleni phakathi kwinyanga kaTshazimpuzi.
Ujamelene nesigwebo seshumi elinesihlanu leminyaka noxa unontlalontle ethe ufanelwe sisigwebo esincinci ngenxa yokunceda kwakhe abantu abahluphekayo. Ukuba unikwe isigwebo eside, uMalema uza kulahlekelwa yindawo yakhe ePalamente.