Otyholwa kwityala lokubulawa kukaDJ Warras uyalelwe ibheyile.
Image: Itumeleng English/Independent Newspapers
Indoda etyholwa ngokuba ngungqondongqondo kwisiganeko sokubulawa kukaWarrick “DJ Warras” Stock, uVictor Majola, 44, iyalelwe ibheyile yiNkundla kaMantyi yaseGoli.
UMajola uza kuhlala eseziseleni emva kokubanjwa kwakhe kunyaka ophelileyo. Uvele ngoMvulo ukuze ave isigqibo senkundla ngesicelo sakhe sebheyile.
Ujongene namatyala okubulala, ukubulala okucwangcisiweyo nokwenza iyelenqe lokubulala emva kokudutyulwa kubulawe uDJ odumileyo, nokwangumsasazi nosomashishini ngaphandle kwesakhiwo iZambesi Building kumbindi wedolophu yaseGoli kwinyanga yoMnga kunyaka ophelileyo.
Ukudutyulwa kukaDJ Warras kuyamaniswa nomsebenzi wakhe kwesi sakhiwo njengoko inkampani yakhe yokhuseleko yayiqeshwe ukuba inikeze ngeenkonzo kwesi sakhiwo apho kwakukho abantu abangawuthobeliyo umthetho wokuhlawula irenti.
Kwisigwebo sakhe, uMantyi uAnnalise Tlhapi uthe ubungqina obuchasene noMajola buninzi kakhulu, kwaye ukukhululwa kwakhe ngebheyile kuya kubeka emngciphekweni uphando ngokubulawa kukaDJ Warras.