UJulius Malema ethetha namalungu we-Economic Freedom Fighters emva kwesoshoni yetyala lakhe ebelibanjelwe enkundleni yaseMonti kwiveki ephelileyo.
Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa
Ziqalile iingxoxo ezenzeka phambi kokuwiswa kwesigwebo sikaJulius Malema kwiveki ephelileyo. Le nkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) ibime emkhumbini eMonti emva kokuba kunyaka ophelileyo uMantyi wayifumana inetyala lokudubula umpu owawuneembumbulu zokwenyani endaweni enabantu.
Isiganeko senzeka eSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, apho iEFF yayibhiyozela khona iminyaka emihlanu ngonyaka ka2018. UMalema wasikhanyelwa isityholo ngelithi wayedubula umpu oyitoyi.
Amalungu wayo iEFF, aphume kumaphondo onke oMzantsi Afrika, nakumazwe angoomakhelwane, agcwalisa eMonti ngedlela engazange ibonwe ngoLwesihlanu odlulileyo eyokuxhasa inkokeli yawo, uMalema.
UJessie Thompson, ongunontlalontle ozimeleyo, uxelele umantyi ukuba uMalema akakufanelanga ukuhlala ixesha elide entolongweni ngoba uyaziwa ngokunceda abantu abahluphekayo.
"Emva kokuqwalasela indlela aphila ngayo, ityala ajongene nalo, okwenzeka ekuhlaleni nomthetho ongqamene netyala; ndiphakamisa umbono othi makanikwe isohlwayo semali esifanele ityala.
"Isohlwayo semali masixhonywe, kukhuthazwe ukuziphatha kakuhle kuye angaphinde avunyelwe ukuba abenawo umpu ixesha elide," utshilo uThompson kwiveki ephelileyo.
Kwelinye icala, lona iGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) lithe liza kucela umantyi anike uMalema isigwebo esiza kwenza ahlale entolongweni uMalema.
Emva kokuba kungagqitywanga ngoLwesihlanu odlulileyo, ityala liza kubuyela enkundleni kwakhona ukusukela ngomhla weshumi elinesihlanu ukuya kumhla weshumi elinesithandathu kwinyanga kaTshazimpuzi.
"Udubulo lenzeka konwatyiwe. Kwakungekho njongo yakonzakalisa mntu. Ungumntu onosapho futhi oluncedo ebantwini," utshilo uThompson. Ukumiswa kwetyala kunika uMalema ithuba lokuqula kwakhona.
Kubalulekile kuye ukunikwa isigwebo semali okanye esingaphantsi konyaka ukuba uyile entolongweni. Ngoba ukuba uhleliswe iminyaka entolongweni, uza kukhatyelwa ngaphandle ePalamente kude kuphele iminyaka emihlanu emva kwesigwebo.
Kanti eyona ngozi enkulu ikwiEFF ekungacaciyo ukuba ngubani ongaxhuzula imikhala xa engekho. Emva kokwehla kweevoti ngonyaka ka2024, xa engekho kucacile ukuba iEFF ingalahlekelwa kakhulu ziivoti elwela ukuzibuyisa kuvoto lalo unyaka.