Iindaba

'Kutheni izinja eziya kwimicimbi yasekuhlaleni zibekelwa bucala?' – abantu babuza amapolisa afuna izinja

Cwayita Nondula|Published

Amapolisa afuna izinja eziza kuqinisa umsebenzi wazo. Abantu kumakhasi onxibelelwano babelana ngezimvo zabo ngesi sicelo.

Image: iStock

Amapolisa aseMpuma Koloni athi kukho ukunqongophala kwezinja zokunceda kwiinzame zawo zokulwa nolwaphulomthetho. Amapolisa abelane ngoluhlu lweentlobo zezinja azifunayo, nangona kunjalo, abantu kumakhasi onxibelelwano bayabuza ukuba kutheni eza zinja zasekuhlaleni ezithanda ukuya kwimigidi, imitshato nemingcwabo zingafunwa.

Abantu baguqule isicelo samapolisa saba yintlekisa, njengoko abantu bamakhasi onxibelelwano besaziwa ngokusebenzisa uburharha ukujongana neemeko ezithile.

Amapolisa acele uluntu ukuba lunikele ngezinja ukuze kuqiniswe icandelo labo leK9. "Kukho ukunqongophala okukhulu kwezinja ezifanelekileyo okwangoku okuphazamisa ukulwa nolwaphulomthetho, ukukhangela nokuhlangula, kunye namanye amaphulo kulo lonke iphondo," atshilo amapolisa ecela abantu.

Nangona kunjalo, abantu bacinga ukuba kukho inja enye engakhankanywanga kwaye efumaneka kuzo zonke iindawo – inja yohlobo lweAfricanis. Nazi ezinye zezimvo zabantu:

ElRoy Charma Ross: "Igama eliphambili elithi "umnikelo" siyayazi ukuba ezo zinja zibiza kakhulu. Zama iAfricanis eyaziwa ngokuba nguMgodoyi, zingaqeqeshwa ukwenza loo msebenzi. Kodwa ngosuku lwazo lokuphumla ziya kuya kwimitshato nakwimingcwabo."

Nwabisa Gogela: "Iphi inja yethu emdaka [ngombala] yaseMzantsi Afrika? Le kwasoloko uyifumana emigidini, emitshatweni nasemingcwabeni? Le yazi zonke iimfihlo zabantu esitalatweni?"

Athenkosi Pretty-Ugly Zweni: "Singanikela ngenja enye jwi ethembekileyo ebizwa ngokuba nguMgodoyi, kodwa ngeempelaveki kuza kufuneka niyinike ikhefu kuba kufuneka iye emingcwabeni nakwimisebenzi yesintu."

Ayipheli imibuzo, abantu bafuna ukwazi:

Sakhile Ndwandwe: "Inja le iza kuphinda indileqe?"

Siphiwe Deepsta Ndhlovu: "Ngubani otye imali eyabelwe izinja?"

Andile Navigator Nodada: "Kutheni ningaqeshi izinja zethu njengamapolisa kwaye ninike abanikazi intlawulo rhoqo ngenyanga?"

Khange babhoxe bonke, bekukho abantu ababexhalabile ngokwenene ngoku.

Gené Minopetros: "Ingaba akunakubakho nyathelo lokusebenzisana neSPCA? Zininzi izinja ezigcinweyo ezinokuqeqeshwa kuquka neenjana."

Christo Reeners: "Ndiyakhumbula umalume wam wayesePOP eKaladokwe ngo1997, amapolisa ayefuya izinja zawo, kwenzeka ntoni kulo maziko?"

Kwingxelo ekhutshwe yiSolezwe lesiXhosa ngaphambili, isithethi samapolisa, uWarrant Officer Majola Nkohli, sithe: "Iintlobo zezinja ezifunwayo zizinja ezisempilweni, ezizithembileyo, ezidlamkileyo, futhi ezingaboyiki abantu okanye ingxolo.

"Iintlobo ezifunwayo ziquka iiGerman Shepherds, Belgian Malinois, Labrador Retrievers, Rottweilers, Bloodhounds, Border Collies, Jack Russell neeDutch Shepherds."