Amapolisa aseMpuma Koloni afuna iizinja ukuqinisa umsebenzi wazo.
Image: SAPS
Amapolisa aseMpuma Koloni akhuphe isicelo esingxamisekileyo kuluntu sokuba kunikelwe ngezinja ukuze kuqiniswe amacandelo eK9.
Amapolisa athi kukho ukunqongophala okukhulu kwezinja ezifanelekileyo okwangoku okuphazamisa ukulwa nolwaphulomthetho, ukukhangela nokuhlangula, kunye namanye amaphulo kulo lonke iphondo.
"Iintlobo zezinja ezifunwayo zizinja ezisempilweni, ezizithembileyo, ezidlamkileyo, futhi ezingaboyiki abantu okanye ingxolo.
"Iintlobo ezifunwayo ziquka iiGerman Shepherds, Belgian Malinois, Labrador Retrievers, Rottweilers, Bloodhounds, Border Collies, Jack Russell neeDutch Shepherds," sitshilo isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli.
Ezi zinja zifunelwa le misebenzi:
Iindima zokugqogqa nokukhangela: Izinja ezifunelwa iziyobisi, iziqhushumbisi, ukufunyanwa kwemipu, okanye ukukhangela nokuhlangula kufuneka zibonise umdla wokudlala kakhulu, obonakaliswa kukugxila kakhulu nomdla wokuleqa ibhola okanye izinto zokudlala.
Iindima zokupatrola nokubamba: Izinja eziza kuqeqeshelwa imisebenzi yokupatrola kufuneka zibonise isakhono sokuzingela esingapembelelwa ngubundlobongela, nesiyamaniswa nobundlobongela obulawulekayo obudingekayo xa kubanjwa umrhanelwa futhi kusenziwa imisebenzi yokukhusela.
Abantu abangathanda ukunikela ngenja banokuqhagamshelana noMququzeleli weMinikelo kwicandelo leK9: Warrant Officer Chris Heggie ku072 735 0116.