UMnu. Walter Zimema olahlekileyo.
Image: SAPS
Amapolisa aseSterkspruit acela uncedo kuluntu ekufumaneni uMnu. Walter Zimema, 68, wakwilali yaseMokhesi eSterkspruit, owabikwa ukuba ulahlekile ekuqaleni kwale nyanga – ngomhla wesihlanu kweyoMqungu.
Isithethi samapolisa uKapteni Ursula Roelofse uthe kuxelwe ukuba uMnu. Zimema wakhwela iteksi ngomhla wokuqala kweyoMqungu 2026 esuka eSterkspruit eya eBloemfontein emva kwemini kodwa akazange afike apho wayesiya khona.
Kuthiwa wayenxibe ibhulukhwe enombala omdaka, izihlangu ezinombala omdaka nehempe etshekhi. Ungumntu okhanyayo ngebala kwaye mfutshane.
Amapolisa acela nabani na onokuncedisa ekufumaneni uMnu. Walter Zimema ukuba aqhagamshelane noSajini Vundisa kwisikhululo samapolisa saseSterkspruit ku051 611 9207 okanye ku083 925 0182, uCrime Stop ku08600 10111 okanye kwisikhululo samapolisa esikufutshane.
Lonke ulwazi luyimfihlo kwaye abantu abafowunayo basenokungazichazi ukuba bangoobani.