Ubhubhile utitshalakazi wesithathu odutyulwe kwisiganeko esiseNtabankulu Primary School.
Image: Umfanekiso ogciniweyo
Utitshala wesithathu owayelwela ubomi bakhe emva kokuba edutyulwe uswelekile – ngoku bathathu ootitshalakazi abasweleke kwesi siganeko sokudutyulwa nesenzeke eNtabankulu Primary School.
Esi siganeko senzeke kwesi sikolo ngoLwesine xa owayesakuba ngutitshala oyindoda wangena kwigumbi lootitshala ngexesha lekhefu waza wadubula ootitshalakazi abathathu – ababini basweleke kwindawo yexhwayelo waza owesithathu wabalekiselwa esibhedlele. Lo titshala wajika umpu wazidubula, waza wabhubha kwindawo yexhwayelo.
Bonke amaxhoba ngabantu ababhinqileyo.
Isithethi samapolisa, uBrigadier Nobuntu Gantana, uqinisekisile iindaba zokusweleka kwalo titshalakazi wesithathu. "Usweleke ngenxa yokwenzakala kwakhe izolo ebusuku ngelixa wayethuthwa nge-ambulensi esiya esibhedlele saseMthatha.
"Abasebenzi be-ambulensi bajika baya kwisibhedlele saseMadzikane emva kokuba efumene iingxaki zempilo, apho uGqirha owayemnyanga wambhengeza njengomntu oswelekileyo," utshilo uGantana.
Amapolisa athi indoda engumrhanelwa yayingutitshala kwesi sikolo nowagxothwa ngo2023 emva kwamatyala okuxhaphazwa ngokwesondo futhi wayengaphandle ngebheyile.
INtloko yeSebe leMfundo, uSharon Maasdorp, usigxekile esi siganeko waza wabonelela ngenkxaso yololuleko ngokwengqondo nangokomphefumlo kubafundi nakootitshala.
"Njengecandelo, sithumela amazwi ethu ovelwano kwiintsapho ezibhujelweyo," utshilo uMaasdorp. Uqhube wathi baza kuqinisekisa ukuba isithili seMfundo saseAlfred Ndzo East sibonelelwa ngenkxaso yololuleko nengcazelo ngesiganeko kwiintsapho eziswelekelweyo nabafundi.
"Siyasigxeka esi siganeko ngendlela eqatha," utshilo.
Amapolisa aqinisekisile ukuba amagama ootitshalakazi abaswelekileyo aza kukhutshwa xa zonke iintsapho zabo zibikelwe ngokusesikweni.