Iindaba

Ootitshalakazi ababini badutyulwe babulawa ngomnye ababesebenza naye!

Cwayita Nondula|Published

Ootitshalakazi ababini badutyulwe babulawa ngumntu ababesebenza naye.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Namhlanje, ootitshalakazi ababini badutyulwe babhubha ngaphakathi kwisikolo samabanga aphantsi saseNtabankulu, ngelixa omnye ebalekiselwe kwiziko lezempilo, esi siganeko senziwe ngomnye utitshala owayesebenza kwesi sikolo nothe wazidubula wazibulala.

Ngokwengxelo yeSebe leMfundo laseMpuma Koloni, esi siganeko senzeke ngexesha lekhefu lesidlo sasemini ngelixa bonke ootitshala babekwigumbi lootitshala lesikolo.

"Lo mntu uzibulele emva kokwenza esi siganeko ngaphakathi kwesikolo. Amapolisa abizelwe kwesi sikolo, ngelixa abafundi begodusiwe emva kwesi siganeko," sitshilo isithethi seSebe uMalibongwe Mtima.

INtloko yeSebe leMfundo, uSharon Maasdorp, usigxekile esi siganeko waza wabonelela ngenkxaso yololuleko ngokwengqondo nangokomphefumlo kubafundi nakootitshala.

"Njengecandelo, sithumela amazwi ethu ovelwano kwiintsapho ezibhujelweyo," utshilo uMaasdorp. Uqhube wathi baza kuqinisekisa ukuba isithili seMfundo saseAlfred Ndzo East sibonelelwa ngenkxaso yololuleko nengcazelo ngesiganeko kwiintsapho eziswelekelweyo nabafundi.

"Siyasigxeka esi siganeko ngendlela eqatha," utshilo.

Amapolisa akwisikolo kwindawo yexhwayelo kwaye kuthiwa isikolo siza kuvulwa kwakhona kwiveki ezayo ngoMvulo.