Iindaba

Abafundi abathandathu baseMilnerton High School basenokugxothwa esikolweni

Cwayita Nondula|Published

Abafundi abathandathu baseMilnerton High School basenokugxothwa esikolweni emva kwevidiyo bebetha omnye umfundi nethe yajikeleza amakhasi onxibelelwano kunyaka ophelileyo.

Image: Ayanda Ndamane/ Independent Media

Abafundi abathandathu kwabasibhozo baseMilnerton High School abatyholwa ngamatyala ahlukeneyo okuhlasela ngenjongo yokwenzakalisa banokugxothwa esikolweni kungekudala.

Aba bafundi basibhozo bavele okwesibini kwiNkundla kaMantyi yaseKapa ngoLwesibini.

ISebe leMfundo laseNtshona Koloni (WCED) liqinisekisile ukuba ibhodi elawulayo yesikolo yenze isindululo sokuba abafundi abathandathu bagxothwe.

Inkqubo yoluleko lwesikolo iMilnerton High School kubafundi abasibhozo, ngamnye etyholwa ngamatyala asibhozo okuhlasela ngenjongo yokwenzakalisa, ifikelele esiphelweni.

Isithethi seWCED, uBronagh Hammond, uthe ikomiti yoluleko yesikolo icebise ukuba abafundi abathandathu bagxothwe.

"Amaxwebhu esindululo athunyelwe kwiWCED kwiveki ephelileyo kwaye ngoku aza kuqwalaselwa yintloko yeSebe leMfundo laseNtshona Koloni," utshilo uHammond.

UHammond uthe abafundi abahlanu kwabathandathu abajongene nokugxothwa bakuGrade 12, omnye ukuGrade 10.

Oku kulandela ividiyo yomfundi ehlaselwa ngabanye abafundi nethe yasasazeka kumakhasi onxibelelwano kunyaka ophelileyo neyaba ngundabamlonyeni.

Ityala elibandakanya aba bafundi lihlehliselwe umhla we11 kweyoKwindla 2026.