Iindaba

Ubanjiwe unoteksi obeqhubela abantwana ababhubhe kwingozi yemoto

Cwayita Nondula|Published

Ubanjiwe unoteksi obeqhuba imoto ebithutha abantwana nethe yabandakanyeka kwingozi esube imiphefumlo ngoMvulo.

Image: Timothy Bernard / Independent Newspapers

Amapolisa aseGauteng abambe umqhubi, 22, obethutha abantwana besikolo ababandakanyeke kwingozi esube imiphefumlo yabafundi abalishumi elinesibini (12) eVanderbijlpark ngoMvulo.

Lo mqhubi ubanjwe emva kokuba ekhululwe esibhedlele ngoMvulo ebusuku.

Isithethi samapolisa aseGauteng, uMavela Masondo, uthi umqhubi kulindeleke ukuba avele phambi kwenkundla kamantyi zingadlulanga iiyure ezingamashumi amane anesibhozo (48), ejongene namatyala alishumi elinesibini (12) okubulala ngaphandle kwenjongo nokuqhuba ngokungenankathalo.

UMasondo uqinisekise inani labantwana ababhubhileyo emva kokuphikisana kweengxelo.

“Emva kokuba amapolisa etyelele izibhedlele nendawo yokugcina imizimba ukuqinisekisa inani lababhubhileyo nabenzakeleyo, kunokuqinisekiswa ukuba abafundi abalishumi elinanye basweleke kwindawo yexhwayelo kwaye abahlanu basiwa kwizibhedlele ezikufutshane ukuze bafumane unyango, apho omnye kubo sele ephumile.”

UMasondo wongeza wathi: “Umqhubi weloli ebandakanyeke kwingozi usinde engenamkrwelo, ngelixa umkhweli efumene umonzakalo kwaye efumana unyango esibhedlele. Uphando luyaqhubeka njengoko amapolisa eqhubeka nokufumana iingxelo zamangqina.”

Le ngozi yenzeke ngentsasa yangoMvulo apho iteksi eyayithutha abantwana besikolo yohlobo lweToyota Quantum ingqubane okweenkuzi zegusha neloli.