Iindaba

Amapolisa adubule abulala osebenzisa ubudlelwane ukutsala amanina kumakhasi onxibelelwano

Cwayita Nondula|Published

Indoda ekhe ubudlelwane kwikhasi lonxibelelwano nebhinqa ngeenjongo ezingcolileyo idutyulwe yabulawa.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Indoda eyakha ubudlelwane kumakhasi onxibelelwano negqiyazana yaza yalidlwengula xa bedibana idutyulwe yabulawa kutshanje ngamapolisa aseMbutho kuTsolo.

Esi siganeko senzeke ngoLwesihlanu, umhla we16 kweyoMqungu, malunga nentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa ngethuba amapolisa ephendula isiganeko sokuxhwilwa komntu.

Ngokutsho kwesithethi samapolisa, uKapteni Welile Matyolo, amapolisa akuTsolo afumene ingxelo yokuxhwilwa komntu apho ixhoba elibhinqileyo (24) laseLibode lityhola ukuba latsalwa ngumrhanelwa (33) ukuba libe nobudlelwane kwikhasi lonxibelelwano.

"Esi sibini sadibana eMthatha ngoLwesine, umhla we15 kweyoMqungu 2026, saya kuTsolo ngeteksi," utshilo uMatyolo.

Besendleleni eya eMbutho ngeenyawo, uMatyolo uthi umrhanelwa wagrogrisa ixhoba ngemela waza walidlwengula kwibala elivulekileyo.

"Ekufikeni kwabo eMbutho, umrhanelwa wadlwengula lo wasetyhini kwakhona, kwaye eli nenekazi lakwazi ukufowunela izalamane zalo libike esi siganeko," ucacise watsho uMatyolo.

Amapolisa abizwa, kwaye ekufikeni kwawo, umrhanelwa wahlasela amapolisa ngemela.

Umrhanelwa udutyulwe waza wabhubha ngenxa yokwenzakala kwakhe.

Umrhanelwa unokuyanyaniswa nezinye izenzo zolwaphulomthetho

Amapolisa athi uphando lokuqala lubonisa ukuba abasetyhini abaneminyaka ephakathi kwamashumi amabini anesihlanu (25) namashumi amabini anesithoba (29) ubudala baxelwa ukuba balahlekile kwisikhululo samapolisa sakuTsolo ukususela nge24 kweyoMnga 2025 ukuya nge15 kweyoMqungu 2026 kwaye bonke bafunyanwa bebhubhile kwibala elivulekileyo.

"Amapolisa axakekile ekhangela into edibanisa ukubhubha kwabo nomrhanelwa ngokusebenzisa iirekhodi zefowuni zomrhanelwa, njengoko wayenxibelelane namaxhoba amathathu aswelekileyo ngaphambi kokuba abhubhe," utshilo uMatyolo.

Kuvulwe iqwakuqwaku futhi amatyala aquka ukudlwengula, ukuxhwilwa, ukungavumi ukubanjwa ukuya kuhlasela amapolisa, ngelixa uphando olongezelelweyo ludluliselwe kwi-IPID.

UMkomishinala weSithili saseOR Tambo, uMajor General Norman Modishana, ulumkisa wonke umntu ukuba alumke ngakumbi xa esebenzisa amakhasi onxibelelwano, njengoko abantu bedla ngokuqhathwa baze babe ngamaxhoba.

Ucele amaqela aphandayo ukuba achonge nantoni na eyamanisa amaxhoba abhubhileyo nomrhanelwa ukuqinisekisa ukuba zonke iintsapho ezichaphazelekayo zifumana uxolo.