Iindaba

Ayaphokoka amazwi ovelwano ngokusweleka kwabafundi eVanderbijlpark

Cwayita Nondula|Published

Abafundi abalishumi elinesithathu basweleke emva kokuba iteksi ababehamba ngayo itshayisane neloli ngoMvulo kusasa.

Image: Timothy Bernard / Independent Newspapers

Ayaphokoka amazwi ovelwano emva kokusweleka kwabantwana besikolo kulandela ingozi ebandakanya iteksi ababehamba ngayo etshayise iloli eVanderbijlpark, eGauteng kusasa ngoMvulo. Inani labafundi ababhubhileyo linyuke laya kwishumi elinesithathu.

Ngokwengxelo yokuqala, abafundi abalishumi elinesibini baqinisekiswe ukuba baswelekile liSebe leMfundo eGauteng, kwaye abahlanu kwathiwa bonzakele ngokumasikizi baza bathunyelwa esibhedlele ukuze bafumane unyango olukhawulezileyo.

Isithethi seli Sebe, uSteve Mabona, uthe omnye umfundi usweleke ngenxa yokwenzakala kwakhe okwandisa inani lababhubhileyo.

ISebe leMfundo laseGauteng lidlulise amazwi ovelwano kwiintsapho ezichaphazelekileyo, abafundi, kunye nesikolo ngeli xesha linzima kakhulu.

UMongameli waseMzantsi Afrika, uCyril Ramaphosa, naye udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho, ootitshala, abafundi nabahlobo bamaxhoba aselula.

“Abantwana bethu zezona zipho zixabisekileyo zesizwe kwaye kufuneka senze konke okusemandleni ethu – ukususela ekulandeleni imithetho yendlela ukuya kumgangatho wababoneleli beenkonzo abaqeshwe ukuthutha abafundi – ukukhusela abafundi,” utshilo uRamaphosa.

Esi siganeko senzeke ngomhla iKomishini yamaLungelo oLuntu yaseMzantsi Afrika ipapashe ingxelo malunga nezithuthi ezithutha abantwana besikolo eMntla Ntshona.

UMongameli uRamaphosa uthi abasemagunyeni kuzwelonke nabamaphondo baza kubonelela iintsapho nezikolo ngenkxaso yololuleko edingekayo.