Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo saseZwelenqaba eXhorha.
Image: Mbhashe Local Municipality
Abafundi besikolo samabanga aphakamileyo saseZwelenqaba eXhorha balumkisiwe malunga nokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi futhi bacetyiswa ukuba benze izigqibo ezifanelekileyo ngexesha lokukhula kwabo.
Oku kwenzeke ngoLwesihlanu weveki ephelileyo ngexesha lephulo lokubuyela esikolweni, iBack to School, ngamanye. USodolophu woMasipala waseMbhashe, uGqr. Samkelo Janda, uSodolophu woMasipala weSithili saseAmathole, uAnele Ntsangani, uSekela Mphathiswa weSebe leNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeMveli (Cogta) ephondweni, uZolile Burns-Ncamashe nabathathi nxaxheba abahlukeneyo bebekwesi sikolo sikuWadi 18 eXhorha.
Ethetha nabafundi, uSekela Mphathiswa weCogta, uBurns-Ncamashe, ulumkise abafundi ngokusetyenziswa gwenxa kweziyobisi, ebakhuthaza ukuba benze izigqibo ezifanelekileyo besebancinci.
“Iminyaka yenu yobutsha ibaluleke kakhulu ekubumbeni ikamva lenu. Dlalani kude neziyobisi notywala, gxilani kwimfundo yenu kwaye nikhusele amaphupha enu. Ukusetyenziswa gwenxa kweziyobisi kutshabalalisa isakhono futhi kuhlutha uluntu iinkokeli zexesha elizayo,” utshilo.
Ethetha kwesi sikolo, ngokwengxelo kaMasipala waseMbhashe, uSodolophu uGqr. Janda ugxininise ukubaluleka kokukhusela abafundi nokujongana nobundlobongela obusekelwe kwisini, ecela uluntu, abazali, ootitshala nabafundi ukuba basebenzisane ekudaleni iindawo zokufunda ezikhuselekileyo, ezinenqeqesho nezixhasayo.
Ngelixa uNtsangani egxininise indima yesicwangciso sophuhliso lwesithili ekuqiniseni intsebenziswano phakathi kwesithili, oomasipala basekuhlaleni namasebe amacandelo ukuqinisekisa ukuba izikolo ziyaxhaswa ngaphaya kwegumbi lokufundela.
Omnye wabafundi kwesi sikolo, uSithule Njokweni owenza uGrade 12, ubulele inkuthazo abayifumene kuSekela Mphathiswa nooSodolophu. "Siyabulela ukuba basityelele kwesi sikolo sethu. Sicela inkxaso kwaye njengabafundi bakaGrade 12 sithembisa ukuba sonke siza kupasa," utshilo uSithule.
Olu tyelelo luyinxalenye yephulo lephondo leBack to School elijolise ekubandakanyeni uluntu lwesikolo nokuvavanya imeko yokulungela ukufunda njengoko izikolo ziqala ngokusesikweni kulo unyaka ka2026.
Oku kukwayinxalenye yokuzinikela kukarhulumente wephondo ekuxhaseni imfundo esemgangathweni nokuqinisekisa ukuba abafundi nootitshala bafunda kwindawo efanelekileyo yokufunda.
Eli phulo lidibanise amasebe ahlukeneyo, kuquka iSebe leMfundo, elezeMpilo, elezoLimo, eleMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko (DSRAC), neloPhuhliso loLuntu (DSD), neNkonzo yamaPolisa aseMzantsi Afrika.