Iindaba

UMabuyane noGade bavule isikolo esivuselelwe ngeR52-million yonke eNgcobo!

Pedro Mapelo|Published

iSitoza Senior Secondary School yakhiwe ngokutsha ngemali eyiR52-million nguRhulumente waseMpuma Koloni.

Image: Office of the Premier

Kwiphulo lokuqinisa imfundo kwiphondo leMpuma Koloni, kuvulwe amagumbi esikolo amatsha axabise izigidi zerandi kwilali yaseNgcobo. Inkokeli yephondo, uMnu. Lubabalo Oscar Mabuyane noMphathiswa weZemfundo wephondo, uFundile Gade, bavule iSitoza Senior School ehlaziyiweyo ngokusesikweni ngoLwesithathu wale veki, umhla ekuvulwe ngawo izikolo eMzantsi Afrika.

Zizigidi ezingamashumi amahlanu anesibini zerandi (R52-million) zonke ezakhe isinala esitsha ekulindeleke siguqule imfundo yeelali ezisisingqongileyo neyeNgcobo ngokubanzi. Esi sisikolo sivulwe emva kokubhengezwa kweziphumo zeemviwo zeMatriki zonyaka ka2025 ezehle kancinci kwezonyaka ongaphambili.

IMpuma Koloni ifumene u84.17% isuka ku84.9% ibifunyenwe ngonyaka ka2024. Kulindeleke ukuba iSitoza Senior School, enabantwana abangaphezulu kwewaka, iqhubele phambili nokukhiqiza izimiphumo ezihle njengokuba yenzile nakunyaka ophelileyo.

Isinala esakhiwe ngokutsha siqhayisa ngamagumbi amatsha akumashumi amabini akhatshwa lithala leencwadi neziko lobuchwephesha. Izikolo ezingekho emgangathweni ophezulu yinto eyingxaki enkulu kwiphondo leMpuma Koloni.

Kodwa uMabuyane uthembise ngokwakha elinye inani elibonakalayo emva kokwakhiwa ezilikhulu eminyakeni emihlani egqithileyo. "Silapha eSitoza namhlanje, eDr A.B. Xuma Local Municipality. Sizokunikela ngesikolo esihle kakhulu esakhiwe ngemali esondele kuR50-million," utshilo uMabuyane echwayitile.

"Sakhelwe abantwana bale ndawo. Kodwa sikwanika imbeko inkqubela ngoba esi sisikolo esinyuse abantwana abapasa iMatriki ukusukela ngonyaka ka2018," utshilo uMabuyane obekhatshwe nguGade okhokele isebe leZemfundo.