UVictor Majola, otyholwa ngokuba ngungqondongqondo ekubulaweni kukaDJ Warras, uza kuvela kwakhona enkundleni ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kule nyanga.
Image: ITUMELENG ENGLISH/Independent Newspapers
Isicelo sebheyile sikaVictor Majola, 44, indoda etyholwa ngokuba ngungqondongqondo ekubulaweni kukaWarrick “DJ Warras” Stock, sihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesithandathu (26) kweyoMqungu ukuze kuhlolwe ividiyo yesiganeko.
UMajola ubuyele enkundleni ngoLwesihlanu eGoli, kwaqukumbelwa iingxoxo ligqwetha lakhe kwakunye nomtshutshisi wombuso.
NgoLwesihlanu, igqwetha likaMajola, uDumisani Mabunda, lidlale ividiyo enkundleni laza lathi ingqina ukuba uMajola akananto yakwenza nesi siganeko.
Oku kwenzeke emva kosuku uMantyi uAnnelise Tlhapi engavumanga isicelo sokuba ubungqina bevidiyo budlalwe enkundleni, ekhankanya inkxalabo yokuba bunokuthi buhlaziyiwe.
Nangona kunjalo, uMabunda uthi le vidiyo iyaphikisana nebango lombuso lokuba ubungqina bevidiyo abanabo budibanisa uMajola nesiganeko.
Umbuso uzikhwebule kule vidiyo isasazwa kumakhasi onxibelelwano. Umtshutshisi wombuso, uVincent Mochabela, uxelele inkundla ukuba ividiyo ekhutshwe esidlangalaleni ayifani nale isemapoliseni.
Ngokutsho kombuso, ividiyo abanayo ibonisa amadoda amathathu kwindawo yexhwayelo, kuquka uMajola – ngelixa leyo isasazwa kumakhasi onxibelelwano ibonisa amadoda amabini kuphela.
UMajola ujongene netyala lokubulala, ukubulala okucwangcisiweyo nokwenza iyelenqe lokubulala ngokunxulumene nokubulawa kukaDJ Warras, owadutyulwa wabhubha nge16 kweyoMnga ngaphandle kwesakhiwo iZambesi Building edolophini eGoli.
UMajola wabanjwa kwinyanga ephelileyo emva kophando malunga nokudutyulwa kukaDJ Warras.
Kulindeleke ukuba inkundla yenze isigqibo sayo ngomhla okhankanywe ngasentla.