Iindaba

Balishumi elinanye abantu ababhubhileyo eLimpopo ngenxa yezikhukhula

Cwayita Nondula|Published

Inani labantu ababhubhileyo eLimpopo ngenxa yezikhukula linyukile laya kwishumi elinanye.

Image: Limpopo Gov

Inani labantu ababhubhileyo ngenxa yezikhukhula eLimpopo linyuke laya kwishumi elinanye, ngelixa umonakalo kwiziseko zophuhliso uqikelelwa ukuba ungaphezulu kweebhiliyoni ezine zeerandi.

Abantu bamva nje ababhubhileyo baquka indoda erhaxwe ePhalaborwa nomntu omtsha orhaxwe eApel, kwisithili saseSekhukhune, ngoLwesihlanu. NgoLwesine, umntwana oneminyaka emihlanu ubudala ukhukuliswe zizikhukhula kwilali yaseMbaula ngaphandle kwaseGiyani.

INkulumbuso yaseLimpopo, uPhophi Ramathuba, uthethe neentatheli ePolokwane ngoLwesihlanu apho aqinisekise khona ukuba kufuneka iibhiliyoni zeerandi ukulungisa iziseko zophuhliso.

URamathuba uthe imisebenzi yokukhangela nokuhlangula isaqhubeka kwezinye zeendawo ezichaphazeleke kakhulu.

Uthe iindlela ezingaphezu kwamakhulu amane (439) zichaphazelekile, kwaye kufuneka imali engaphezulu kwebhiliyoni enye yeerandi (R1.7 yeebhiliyoni) ukuze kulungiswe umonakalo, ngelixa uvavanyo luqhubeka.

Udlulise amazwi akhe ovelwano kwiintsapho ezilahlekelwe ngabantu ababathandayo, ngelixa evuma imingeni emikhulu ejongene nephondo njengoko lizama ukunceda abantu abaphulukane nezindlu zabo.

Kuthiwa izindlu ezingaphezu kwewaka (1600) nezikolo ezingamashumi amathathu ananye (31) zonakaliswe zizikhukhula.

URamathuba ukwathe umonakalo oqikelelweyo kula maziko ezempilo uza kubiza malunga nezigidi ezisixhenxe zeerandi (R7 million) ukuwalungisa.

"Umonakalo owenzeka ezindleleni wenza kube nzima ukuba iphondo noomasipala bethu abachaphazelekayo bakwazi ukujongana noku."

URamathuba umemelele uncedo kwisebe lezothutho likazwelonke, esithi izixhobo zephondo nezomasipala azikwazi ukulungisa izinto ezibalulekileyo.

"Ukungenelela kukarhulumente kazwelonke, ingakumbi iSebe lezoThutho ngeSANRAL, kufuneka kufikelele nakwiindlela zephondo nezesithili."

Izanuse zilumkisa ngemvula enkulu elindelekileyo ukuba iqhubeke nokuna futhi kukho inkxalabo yokuba inokubangela umonakalo omkhulu kwaye isube nemiphefumlo ngakumbi.