Iindaba

UZuma ushenxise uMakhubele wanyusela uMolefe kwiinguqu ezintsha kwiMK Party

Pedro Mapelo|Published

Iphinde yenza iinguqu ezintsha kwakhona iMKP kwiinkokeli ezikhokeleyo ePalamente.

Image: MK Party/ Facebook

Kwiveki yesibini enyakeni omtsha, uMnu. Jacob Zuma wenze iinguqu ezothusileyo kwakhona kuMkhonto Wesizwe Party ngoMvulo wale veki. Oku kwenzeke emva kokuba eshenxise uColleen Makhube njengesabhokwe seMK Party kwindluyowisomthetho.

Omnye osuswe esikhundleni nguMpiyakhe Limba obenguNondyebo wombutho kaZuma owayenguMongameli woMzantsi Afrika. Umntu oza kukhokela ePalamente ngoku ukuya phambili nguMmabatho Mokoena-Zondi othatha iintambo kuMakhubele ongakhutshwanga ePalamente.

Sona isikhundla sikaNondyebo sinikwe uBrian Molefe ohleli elilungu lePalamente. UMolefe unexesha elide esebenzisana noZuma owayenobuhlobo nabakwaGupta abatyholwa ngokuqongqotha iinkampani zikaRhulumente bakugqiba babaleka kwiminyaka eyadlulayo.

Ngelo xesha uMolefe wayeyintloko kaEskom okhe wanexesha elide etsala nzima ngenxa yokungabikho kwemali enxilini yakhe. UVanessa Calvert, obekhe wasikwa erhanelwa ngokuphatha kakubi imali yombutho, ubuyiselwe ePalamente emva kweenguqu.

Akukho lizwi elikhutshiweyo yiMKP malunga noGqirha John Hlophe obekade ekhokela uMkhonto Wesizwe Party ekwalilo neSekela likaMongameli. UHlophe uye wasikwa ngumbutho phambi kokusongwa konyaka ka2025 emva kweyantlukwano ngaphakathi embuthweni.

Kwakuthiwe kuza kubakho inkqubo yoluleko eza kulandelwa xa kuphononongwa ingxaki yakhe - kodwa ukuza kuthi ga ngoku, iseyindaba yakwamkhozi into yakhe. Umbutho kaZuma ngoyena ophikisayo ePalamente emva kokuba ungazange ungene kuRhulumente wobumbano okhokelwa yiANC emva kolunyulo lukazwelonke obelubanjwe ngo2024.