Abantwana abangamashumi amathathu anesithathu abamiswe yiBMA ababekwiteksi eya eZimbabwe.
Image: Border Management Authority
AbeBorder Management Authority (BMA) babambe iteksi eyayithwele abantwana abangamashumi amathathu anesithathu (33) abangenazo iimpepha abaneminyaka ephakathi kwemine neshumi elinesihlanu ubudala namadoda amabini aseZimbabwe awayesuka eMzantsi Afrika esiya eZimbabwe.
Abarhanelwa ababini abadala baseZimbabwe, abaneminyaka engamashumi amathathu anesibini (32) namashumi amabini anesithathu (23) babanjwe ngokuncedisa ukufuduka ngokungekho mthethweni kwabantwana bewela umda.
Eli qela labanjwa esangweni lomda, iBeitbridge, ngoLwesibini, umhla we13 kweyoMqungu 2026.
UGqr. Michael Masiapato, onguMkomishinala weBMA ,uqinisekise ukuba amatyala olwaphulomthetho avuliwe ngakubarhanelwa ababini ngokwemigaqo yomthetho yondwendwela (Immigration Act) ngokunxulumene nokuququzelelwa kokungena ngokungekho mthethweni nokuhamba kwabantu abangenazo iimpepha.
Kuthiwa bonke abantwana abangamashumi amathathu anesithathu banikezelwe ngoko nangoko kwiSebe loPhuhliso loLuntu.
UGqr. Masiapato uncome igosa likaBMA ngomsebenzi walo ngelithi oku kugxininisa ukusebenza kakuhle kwamanyathelo olawulo lomda awaphuculweyo nokuma ngokuqilima kweBMA ngokuchasene nolwaphulomthetho olubandakanya abantwana.
Ukwathe abazali kufuneka bayeke ukuthumela abantwana abangenazo iimpepha kumda.
"IBorder Management Authority ayizukuyinyamezela into yokuxhatshazwa kwabantwana okanye ukuququzelelwa kokuhambahamba ngokungekho mthethweni kwimida.
"Sizimisele ukukhusela imida yethu ngelixa sigcina amalungelo oluntu nemigaqo yokukhusela abantwana," utshilo uMkomishinala uGqr. Masiapato.
Uphando luyaqhubeka, kwaye abarhanelwa kulindeleke ukuba bavele enkundleni kule veki.