ULinomtha Skeyi (16) owabulawa waza umzimba wakhe wafunyanwa ngomhla weKrisimesi kunyaka ophelileyo.
Image: Facebook
Amapolisa aqinisekise ukubanjwa kwendoda (21) nezinikele emapoliseni kwisikhululo samapolisa saseJoza eMakhanda.
Oku kubanjwa kwenzeke ngoLwesihlanu, umhla wesithoba kweyoMqungu 2026.
Oku kulandela ukubulawa kukaLinomtha Skeyi (16), umzimba wakhe owafunyanwa ebaleni elingasemva kwesakhiwo seSebe loPhuhliso loLuntu eJoza, eMakhanda, ngeKrisimesi, umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyoMnga 2025.
Ngokwengxelo kaLieutenant Colonel Siphokazi Mawisa, uLinomtha waxelwa ukuba ulahlekile ngomhla wamashumi amabini anesine (24) kweyoMnga 2025 kwaye ngexesha lokukhangela nokuhlangula, umzimba wakhe wafunyanwa ngeKrisimesi.
Kuthiwa isizathu sokubulawa kwale ntwazana asikacaci okwangoku kodwa siyinxalenye yophando oluqhubekayo.
Umrhanelwa kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi yaseMakhanda ngoMvulo, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoMqungu 2026.
ULinomtha ubekwe kwikhaya lakhe lokugqibela ngoMgqibelo, umhla wesithathu kweyoMqungu 2026 eQonce.
Ezi ndaba zothuse abaninzi kumakhasi onxibelelwano nto leyo eyabangela ukuba bafune ubulungisa. Isikolo awayefunda kuso, iCambridge High School, naso sithumele amazwi ovelwano kusapho lwale ntwazana.
"Iintliziyo zethu zibuhlungu njengoko sizilela ukubhubha kabuhlungu nokungalindelekanga kukaLinomtha Skeyi. Ubomi obutsha obuzele zizithembiso ezininzi buthatyathwe kuthi msinya, bushiya indawo entliziyweni yethu engenakuzaliswa ngamazwi.
"Sithumela amazwi ethu ovelwano kusapho nabahlobo bakaSkeyi ngeli xesha linzima. Yanga ningafumana amandla kuthando loluntu lwenu noxolo kwiinkumbulo ezintle ezishiywe nguLinomtha," sitshilo isikolo kwingxelo kweyoMnga 2025.