Iindaba

URamaphosa uthi uMzantsi Afrika awuzukungcungcuthekiswa

Cwayita Nondula|Published

UMongameli weANC uCyril Ramaphosa ethetha kumbhiyozo weANC kwibala lemidlalo laseMoruleng, eMntla Ntshona.

Image: Itumeleng English / Independent Newspapers

UMongameli weAfrican National Congress (ANC) uCyril Ramaphosa uphinde wagxininisa ukuba uMzantsi Afrika awuzukuvumela ukungcungcuthekiswa ngabantu ekhaya nakwamanye amazwe.

URamaphosa wenze le ntetho ngexesha lokubhiyozela iminyaka elikhulu elinesine (114) yeANC kwibala lemidlalo laseMoruleng eMntla Ntshona ngoMgqibelo wempelaveki edlulileyo.

Intetho yakhe ephambili ikwakhankanye ingxaki phakathi koMzantsi Afrika neMelika njengoko la mazwe engavumelani ngezinto. URamaphosa utyityimbisele umnwe imibutho yaseMzantsi Afrika ephembelela ulwazi olungelulo malunga neli lizwe olunefuthe kwiimbono zaseMelika ngoMzantsi Afrika.

URamaphosa akakhange abize magama, nangona kunjalo, imibutho efana neAfriForum neSolidarity, ityholwa ngokuzama ukunyanzela uMongameli waseMelika uDonald Trump norhulumente wakhe ukuba balwe uMzantsi Afrika.

Kubekho izityholo ezivela kule mibutho zokuba abantu abangamaBhulu bayacalucalulwa eMzantsi Afrika. UTrump ukwatyhola urhulumente waseMzantsi Afrika ngokungavumi ukuhoya ukuba "amaBhulu ayabulawa kwaye imihlaba yabo iyathathwa." Oku kwenzeka nangona urhulumente waseMzantsi Afrika wenza imizamo emininzi yokulungisa ulwazi olungachanekanga malunga neli lizwe.

URamaphosa uthe uMzantsi Afrika awuzukusoyikiswa okanye ungcungcuthekiswe.

"Injongo yabo kukujongela phantsi intando yesininzi yomgaqosiseko waseMzantsi Afrika, ukungabi nabuhlanga, ukungakhethi buso ngokwesini nephulo lokuguqula izinto," utshilo uRamaphosa.

Uqhube wathi basebenzisa amaqhinga amaninzi, kuquka nokusasazwa kobuxoki obufana namabango okubulawa kwabantu abamhlophe, ukuze bafumane uvelwano nomanyano oluvela kwimibutho enobuhlanga nabantu abanjalo.

"Singabantu asivumi akohlulwa, asivumi nokuba singcungcuthekiswe nangubani, nokuba ulapha ekhaya okanye ukwelinye ilizwe langaphandle, esikuthetha ngazwi linye iyaqhubeka – asizukungcungcuthekiswa," utshilo.