UCyril Ramaphosa ethetha kwiindibano ebiseMntla Ntshona apho kubhiyozelwe khona iminyaka yeANC elikhulu elineshumi elinesine.
Image: Independent Media
UMongameli weAfrican National Congress (ANC), uCyril Ramaphosa, uyalele amalungu wombutho ngelithi makaqalise ukugaya ivoti njengokuba kusiyiwa kulonyulo loomasipala kulo nyaka.
Oku ukuthethe kwindibano enkulu ebiseMoruleng Stadium, eNorth West - apho bekubanjelwe khona imibhiyozo yeANC edibanise ikhulu elineshumi elinesine leminyaka. Uthe onke amalungu kufuneka asebenzele ukuphumelela kweANC kulonyulo loomasipala olusemnyango kwintetho yakhe yosuku eMoruleng Stadium.
"Ndifuna kucace: onke amalungu weANC kufuneka agaye ivoti ukuze iANC iphumelele. Makungabikho kudideka ebantwini, ukuphumelela kweANC kuza kuyinika ithuba lokukhokela uMzantsi Afrika ongenabuhlanga, obumbeneyo nobhetele," utshilo uRamaphosa obexhagwe ziinkokeli eziphambili kwiANC.
Ulonyulo luza kufika ngexesha elibi iANC iphantsi koxinizelelo ngenxa yamanani evoti ehlileyo kulonyula lukazwelonke ngenxa yokuhexa kolawulo koomasipala, emaphondweni nakuzwelonke.
Emva kolonyulo lonyaka ka2024, iANC iye yanyanzeleka ukuba ilawule ilizwe ngokubambisana namanye amaqela aquka iDemocratic Alliance, Inkatha Freedom Party, iPAC, Good, PA, UDM, Rise Mzansi namanye.
Njengokuba kusiyiwa kulonyulo loomasipala, iANC ilawula oomasipala abakhulu ababini kuphela. Nakubo isecicini lokuphulukana nolawulo ngoba akukho lulawulo oluphucukileyo eze nalo. Yaqala ukuphulukana neevoti koomasipala abakhulu ngethuba likaMnu. Jacob Zuma esenguMongameli welizwe.
Phakathi kwezinto eziyingxaki koomasipala kukungabikho kwamanzi acocekileyo aphuma ezitephini, ulwaphulomthetho oluxakileyo, iindlela ezimbi nokungasebenzi kakuhle koomasipala bekhona abaphathi ngaphakathi.
URamaphosa uthe iANC iyavuma ukuba ayikwazanga ukuqinisa ukuhanjiswa kweenkonzo zoluntu, uqoqosho alukhuli ngendlela efunekayo kwaye kukho nokunqaba kwemisebenzi.
"Abantu baye bajongelwe phantsi ngooceba abahambela kude kubo. Kunyanzelekile ukuba ooceba baqalise ukulungisa lo nto ukuze bathenjwe ngabantu," utshilo uRamaphosa.