Iindaba

Akasekho emhlabeni umam' uNolusapho Rose Rayne Mandela-Perry

Cwayita Nondula|Published

Akasekho emhlabeni umam' uNolusapho Rose Rayne Mandela-Perry.

Image: Uthunyelwe

INkulumbuso yaseMpuma Koloni, uOscar Mabuyane, udlulise amazwi ovelwano kwiNdlu yoBukhosi yakwaMandela, nakwiBhunga leMveli laseMvezo ngokusweleka kukamama uNolusapho Rose Rayne Mandela-Perry, umama kaNkosi Zwelivelile Mandla Mandela.

UMabuyane uthumele amazwi ovelwano egameni likarhulumente wephondo nabantu bephondo laseMpuma Koloni.

"Ndidlulisa amazwi ethu ovelwano olunzulu kwiNdlu yoBukhosi yakwaMandela, kwiBhunga leMveli laseMvezo, nakusapho lonke lukaMandela-Perry ngokusweleka kukamama uNolusapho uRose Rayne Mandela-Perry," utshilo uMabuyane.

Uqhube wathi ukusweleka kukamama uNolusapho kubonisa ukuhamba kwenkodekazi eyayihlonitshwa kakhulu, ubomi bayo babusekelwe kwisidima, uvelwano, nokuzinikela okungagungqiyo kusapho, kuluntu nakwilifa lemveli. "Ubonakalise amandla athobekileyo womntu obhinqileyo ongumAfrika, ekhulisa izizukulwana ngobubele, ukuthobeka, nokuqonda uxanduva," utshilo.

"Simnika imbeko kungekuphela nje ngenxa yosapho lwakhe, kodwa nangobuntu awabuphila waza wabelana nabo ngesisa. Ubomi bakhe busikhumbuza ukuba umlinganiselo wokwenene wobunkokeli nelifa uhlala ufumaneka kuthando olunikwa ngokukhululekileyo, imigaqo edluliselwa ngomonde, nokomelela okubonakaliswa kancinci ngokuhamba kwexesha," itshilo iNkulumbuso yaseMpuma Koloni.

Urhulumente wephondo uphinde wathi ngeli xesha lokuzila, bama ngaxhatha linye neNdlu yoBukhosi yakwaMandela neBhunga leMveli laseMvezo kwaye bayasihlonipha isicelo sosapho sokuba banikwe ixesha lokuzila njengosapho.

Umama uNolusapho usweleke eneminyaka engamashumi asixhenxe anesihlanu (75) ngeCawa yempelaveki edlulileyo. Kwingxelo, usapho lubhengeze ukubhubha kwakhe lusithi: "Usinike uthando olubanzi, amandla angenakulinganiswa neenkumbulo ezingenakubalwa ezixabisekileyo. Umoya wakhe uya kuhlala usikhokela kwaye usithuthuzela."

Usapho luthe iinkcukacha ezithe vetshe ziza kubhengezwa ekuhambeni kwethuba.