Iindaba

URamaphosa uthi iANC mayigxile ekusebenzeleni uluntu

Pedro Mapelo|Published

UMongameli weANC, uCyril Ramaphosa, ethetha entlanganisweni ebibanjelwe eNorth West izolo.

Image: ANC

UMongameli weAfrican National Congress (ANC), uCyril Ramaphosa, uthi umbutho wakhe kufanele uze nesisombululo seengxaki ezijamelene noMzantsi Afrika. Oku ukuthethe kwindibano ebikwiphondo laseMntla Ntshona izolo ngoLwesine - apho iANC iququzelela khona intlanganiso enkulu eza kubhiyozela kuyo iminyaka elikhulu elineshumi elinane iphila.

Uthe omnye unyaka ogqitywe yiANC ubanika ithuba lokuzama ukufumana iindlela ongancuthula ngazo iingxaki ezibambezele ilizwe. UMzantsi Afrika uphethwe kakubi luqoqosho olududa ndawonye, ulwaphulomthetho oluxakileyo, ukuphathwa kakubi koomama nabantwana nentswelongqesho.

URamaphosa uza kube esisithethi esiphambili emsithweni omkhulu obhiyozelela iminyaka eminzi yeANC ngomso - kodwa iqhwalela ngamandla emva kokuphulukanga nenkxaso emandla kulonyulo lukazwelonke kunyaka ophelileyo.

Nangona kunjalo, iANC iseyiyo ekhokela uRhulumente wobumbano kuba isengowona mbutho omkhulu eMzantsi Afrika. URamaphosa uxinwe ngemibuzo kwiphondo laseMntla Ntshona engenalo ulawulo oluhle elibangela zingayi kakuhle iinkonzo zikaRhulumente ebantwini.

Uthe uMntla Ntshona ayisiyiyo kuphela enengxaki zeendlela ezinezigingqi ebuzwa ziintatheli izolo. "Ingxaki yeendlela ezinezigingqi ayikho kweli phondo kuphela. Zikhona nakwezinye iindawo," utshilo uRamaphosa owoleke ngelithi ukulungisa idemesha yoRhulumente wobandlululo ngumsebenzi omkhulu.

"Ukuguqula indlela yokusebenza kukaRhulumente ayilulanga futhi asiyinto yosuku olunye. Yinto eza kuthatha ixesha elide. URhulumente wobandlululo wabaphuca izinto zexabiso abantu," utshilo uRamaphosa.

Iinkokeli zeANC zikhangela indlela ezingaqinisa ukusebenza kukaRhulumente nendlela yokubuyisa inkxaso yayo phambi kolonyulo loomasipala oluza kubanjwa kulo nyaka. Ukuba ilahlekelwe yinkxaso kwakhona, iANC ingasecicini lokukhutshwa kubo bonke ooRhulumente.