Iindaba

Ivuliwe kwakhona indlela enguN2 ephazanyiswe ngumlilo eGqeberha

Cwayita Nondula|Published

Umlilo uphantsi kolawulo kuhola wendlela uN2 ngakwifama yomoya eGqeberha.

Image: Nelson Mandela Bay Municipality

Iphinde yavulwa indlela uN2 ngakwifama yomoya eGqeberha emva kokuba abasemagunyeni kuMasipala iNelson Mandela Bay bekwazile ukunqanda imlilo kule ndawo.

Le mililo inqandwe ngorhatya lwangoMvulo ngentsimbi yethoba, ngokokutsho kwesithethi salo Masipala uSithembiso Soyaya.

"Ngelixa umlilo ulawulwe, le ndawo isaqhuma. Amaqela eeNkonzo zoMlilo neeNkonzo eziNgxamisekileyo asekho kule ndawo exakekile etshiza amanzi ukuthintela ukuvutha kwakhona kwemililo nokuqinisekisa ukhuseleko," utshilo uSoyaya.

UMasipala uqinisekisile ukuba iNelson Mandela Bay Municipality Fire and Emergency Services, ngokusebenzisana neFire Protection Association, isasebenza kwaye iyaqhubeka nokubeka iliso elibukhali le meko.

"Nangona iimeko zizinzile ngoku, bayabongozwa abahlali ukuba bahlale bethe qwa, njengoko ukutshintsha kwemeko yomoya kunokubangela ukuba imeko iqatsele," utshilo uSoyaya.

Abantu abakufutshane bayacetyiswa ukuba bahlale bethe qwa kwaye baxele kwangoko naziphi na iimpawu zokugqabhuka komlilo, umsi, okanye nayiphi na into enxulumene nomlilo.

Kwiimeko ezingxamisekileyo ezinxulumene nomlilo, kuthiwa abahlali banokuqhagamshelana neenkonzo zomlilo, iFire and Emergency Services, ku041 585 1555.