Iindaba

Ipolisa elibhinqileyo lisinde emlonyeni wengonyama

Cwayita Nondula|Published

Ipolisa elibhinqileyo likwazile ukuzilwela kumadoda amabini – omnye umrhanelwa ubanjiwe.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

Ipolisa elibhinqileyo ebelingaphangelanga likwazile ukuzilwela kumadoda amabini axhobileyo, ekutyholwa ukuba amhlasele ngaphandle kwevenkile yaseHumansdorp kwimpelaveki ephelileyo ngeCawe. Omnye umrhanelwa (18) uye wabanjwa, kwaze kwafunyanwa umpu oyikopi.

Kuthiwa ngeCawe, umhla wesine kweyoMqungu 2026, malunga nentsimbi ye17:20, amadoda amabini axhobe ngemipu azama ukuqweqwedisa ipolisa elibhinqileyo ebelingaphangelanga, aza alinyanzela ukuba lingene ebhuthini yemoto yalo ngaphandle kwevenkile ekwikona yesitalato iDu Plessis Street kunye neMain Road eHumansdorp.

Isithethi samapolisa uWarrant Officer Majola Nkohli uthi emva kokusokolisana, nokufika kwamagosa abucala axhobileyo kunye neemoto zamapolisa ezijikelezayo, umrhanelwa omnye (18) uye wabanjwa, kodwa umrhanelwa wesibini ukwazile ukubaleka.

Amapolisa abongoza nabani na onokuba nolwazi olungakhokelela ekubanjweni komrhanelwa wesibini ukuba atsalele umcuphi uDetective Warrant Officer Zuan Nepgen ku081 234 7783 okanye atsalele iCrime Stop ku08600 10111 okanye isikhululo samapolisa esikufutshane.

Umrhanelwa oneminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala uvele kwinkundla kamantyi yaseHumansdorp ngoLwesibini wale veki, ngezityholo zokuzama ukuqweqwedisa imoto, ukuzama ukuxhwila, ukubetha ngeenjongo zokwenzakalisa kwanokwaphula umthetho woLawulo lweMipu, iFirearms Control Act ngamanye.