Iindaba

Ithuba lokubhala imatriki kwabo bangenayo imatriki – simahla!

Cwayita Nondula|Published

ISebe leMfundo esiSiseko likhuthaza abantu abangenazo iziqinisekiso zabo zematriki ukuba baphinde babhale simahla.

Image: Umfanekiso ogciniweyo

ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) likhuthaze abantu abangaziphumelelanga iimviwo zabo zematriki, iNational Senior Certificate (NSC) ngamanye, ukuba baphinde babhale njengenxalenye yenkqubo ebizwa ngokuba yiSecond Chance Programme.

Le nkqubo inikezelwa simahla. Abantu abafanelekileyo banokubhalisela ukubhala kwakhona okanye ukongeza izifundo ngaphandle kwentlawulo, ngokungqinelana nemigaqonkqubo yeSebe yexesha leemviwo zikaCanzibe/eyeSilimela.

ISebe lithi injongo yale nkqubo (Second Chance Matric Programme) kukubonelela ngenkxaso kubafundi abangakhange bakwazi ukuhlangabezana neemfuno zeNSC okanye zematriki yabantu abadala eyaziwa njengeSenior Certificate (SC).

Le nkqubo iyinxalenye yokuhlangabezana neenjongo zeSicwangciso soPhuhliso seSizwe necandelo leMfundo esiSiseko, okukhokelela ekwandeni kokugcinwa kwabafundi.

ISebe lithe le nkqubo iluncedo kuba ikwanyusa namathuba emisebenzi nokufikelela kumathuba eebhasari ukuze abantu baqhubekeke nezifundo.

Abantu abaya kukwazi ukuxhaswa baquka:

  • Abantu ababhalisele ukubhala iimviwo zematriki yabantu abadala (Senior Certificate) kwinyanga yeSilimela.
  • Abafundi abangesosigxina beNSC abazama ukubhala iimviwo zeNSC emva konyaka ka2008 nabaza kubhala iimviwo kuCanzibe nangeyeSilimela futhi nangenyanga yeNkanga.

Izifundo abanokuthi bazibhale kwakhona ziquka: Accounting, Agricultural Science, Business Studies, Economics, English First Additional Language, Geography, History, Mathematics, Mathematic Literacy, Physical Sciences neLife Sciences.

Ubhaliso luvala ngomhla wesithandathu kweyoMdumba 2026.

ISebe kulindeleke ukuba likhuphe iziphumo zematriki zika2025 ngoMvulo, umhla weshumi elinesibini (12) kweyoMqungu 2026.