Iindaba

Mantashe: 'Musani ukugcakamela ilanga nilindele imisebenzi kurhulumente'

Cwayita Nondula|Published

UGwede Mantashe uthi abantu balinda urhulumente azise iinkonzo kwaye abawasebenzisi amathuba akhoyo.

Image: GCIS

USihlalo weANC uGwede Mantashe uthi abantu baxhomekeke kurhulumente ngokugqithisileyo kwaye bagcakamela ilanga belindele ukunikwa imisebenzi.

UMantashe ukuthethe oku kutshanje kudliwanondlebe neSABC, nalapho athe ubudlelwano phakathi kukarhulumente nabantu boMzantsi Afrika buneziphene kwaye bukhokelele kuluntu apho abantu “bagcakamela ilanga” balindele ukuba urhulumente azise iinkonzo.

Uthe le yimpazamo kulawulo ekufuneka ilungiswe yiANC.

"Siye savelisa imeko yokunikezelwa kweenkonzo apho abantu bahlala phantsi, bahlala elangeni belindele ukuba urhulumente anikezele ngeenkonzo, ngelixa abantu ngokwabo bengabandakanyeki," utshilo uMantashe.

Woleke wathi: "Ukuba abantu bethu banokubandakanyeka, siya kuba lilizwe elingcono. Yimpazamo esiyenzileyo siyiANC, sithatha uxanduva lwaloo nto, apho sidale uluntu oluxhomekeke endaweni yokuqinisekisa ukuba nenxaxheba."

Uthe wonwabile kuba betshintshe imeko yelizwe, kodwa akonwabanga kukuba abantu abaninzi abawasebenzisi amathuba adalwe ngurhulumente weANC. "Andonwabanga ngaloo nto; endaweni yoko, bahlala phantsi balindele ukuba urhulumente enze izinto," utshilo.

Esebenzisa umzekeliso, uthe iANC idale amathuba amaninzi.

"iANC ikunike isixhobo sokuloba, ngoku ulindele ukuba iANC ikubambele intlanzi?" ubuze watsho.

"Ndineminyaka engaphaya kwamashumi asixhenxe (70); urhulumente akazange andifunele umsebenzi," utshilo.

"Namhlanje kuba kukho urhulumente onenkqubela, abantu balindele ukuba urhulumente abanike imisebenzi, abakhangeli misebenzi, mayitshintshe lo nto," uthethe watsho uSihlalo weANC kuzwelonke.