Iindaba

ISebe lezeMpilo lixhalabile ngokwanda kokukhulelwa kwabantwana

Cwayita Nondula|Published

Isebe lezempilo kuzwelonke lixhalabile ngokwanda kwamanani okukhulelwa kwabantwana kweli.

Image: Pexels

Isebe lezempilo kuzwelonke livakalise inkxalabo enkulu kukwanda kwabantwana abakhulelwayo kweli lizwe nanjengoko ikhulu elinamashumi amathandathu (160) belibeleke ngosuku lonyaka omtsha.

Kunyaka ophelileyo, ngabantwana abangamashumi asibhozo (80) kuphela abathe babeleka ngolu suku xa kuthelekiswa nabangaphezu kwekhulu (160) kulo nyaka.

Isebe lezempilo likazwelonke libike ukuba zingaphezulu kwewaka (1669) iintsana ezizelwe kulo lonke ilizwe ngomhla wonyaka omtsha.

Isithethi seli sebe, uFoster Mohale, ubongoze iintsapho noluntu ukuba basebenzisane kwaye bancede ekunqandeni ukukhulelwa kwabantwana.

"Ngelishwa, amanye ala mantombazana, awayichazi iminyaka nohlobo lobudlelwane babo babamithisileyo," utshilo uMohale.

"Yiyo loo nto sifuna inkxaso yamalungu osapho ukuze athi, nceda, masizame ukusebenza ngokusondeleyo siluluntu ukuqinisekisa ukuba siyabanceda aba bantwana.

"Kule meko, ingakumbi abo bakhulelweyo ngenxa yokudlwengulwa, ukuze sizame ukuthumela umyalezo oqinileyo kwabo baxhaphaza la mantombazana aselula baze bawamithise futhi kufuneka babanjwe," utshilo uMohale.

Kwiphondo leMpuma Koloni, bangaphaya kwamakhulu amabini (206) abantwana abazelwe ngomhla wokuqala kwinyanga yoMqungu.

Njengoko uMzantsi Afrika usamkela obu bomi butsha, isebe lophuhliso loluntu (DSD) liwubethelele kwakhona umsebenzi walo wokukhusela, ukondla nokuxhasa abantwana neentsapho ngeenkqubo zokhuseleko loluntu nezokomeleza iintsapho.