IMelika ithi iza kulawula iVenuezela kulandela uhlaselo lwelizwe nokubanjwa kukaMongameli wayo.
Image: Martin Bernetti/AFP
UMongameli waseMelika uDonald Trump ubhengeze ngoMgqibelo ukuba iMelika iza “kuyilawula” okwethutyana iVenezuela emva kokuba umkhosi waseMelika uhlasele eli lizwe, nto leyo eyakhokelela ekubanjweni kukaMongameli waseVenezuela uNicolás Maduro nomkakhe, uCilia Flores.
UMongameli waseMelika uchaze uhlaselo ngobusuku kwindawo yaseCaracas nogqogqo olwalandelayo "njengomsebenzi omkhulu womkhosi" ojolise ekujonganeni noko akubiza ngokuba lulawulo oluphawulwa "lurhwebo lweziyobisi olungekho mthethweni".
UMaduro noFlores babanjwa bathunyelwa eNew York, eMelika, apho kulindeleke ukuba bajongane namatyala okuthubelezisa iziyobisi nezixhobo.
"Siza kulawula ilizwe kude kube lixesha apho sinokwenza utshintsho olukhuselekileyo, olufanelekileyo nolunengqiqo," utshilo uTrump.
Ukwathe iMelika ayinakuvumela enye inkokeli 'engafanelekanga' ukuba ikhokele, esongeza ukuba iinkampani zeoyile zaseMelika ziya kutyala imali eza kuvuselela oovimba beoyile abakhulu baseVenezuela – abakhulu ehlabathini – ukuze kuxhamle abantu baseVenezuela.
UMongameli waseVenezuela uNicolas Maduro obanjiweyo ehamba namagosa aseMelika.
Image: AFP
Uqhubeke wathi, "Siza kuphinda sakhe iziseko zeoyile, eziza kubiza iibhiliyoni zeedola, ziza kuhlawulwa ngokuthe ngqo ziinkampani zeoyile. Kwaye siza kwenza ioyile ihamba ngendlela ebekufanele ukuba ihamba ngayo."
UTrump unike iinkcukacha ezimbalwa malunga nolawulo lwelizwe, esithi iqela lamagosa avela kurhulumente wakhe liza kujongana nezinto.
Ebuzwa ziintatheli malunga nokuba ilizwe liza kulawulwa njani, uTrump uphendule wathi: "Siza kuyilawula neqela, kwaye siza kuqinisekisa ukuba lilawulwa ngokufanelekileyo."
USekela Mongameli waseVenezuela, uDelcy Rodríguez, ngoku unguMongameli obambeleyo weli lizwe.
Iinkokeli ezahlukeneyo zehlabathi zizigxekile izenzo zeMelika. IZizwe eziManyeneyo (UN) zivakalise inkxalabo malunga nokuphulwa komthetho wamazwe ngamazwe – uBen Saul oIigosa leZizwe eziManyeneyo elijongene namalungelo oluntu nokuthintela ubunqolobi, uchaze uhlaselo lweMelika eVenezuela nokubanjwa kukaMaduro njengokungekho mthethweni, ehlaba ikhwelo ukuba uTrump aphandwe aze agxothwe.
UMongameli waseMexico, uClaudia Sheinbaum Pardo, naye ugxeke kabukhali esi senzo kunye noMongameli waseBrazil, uLuiz Inácio Lula da Silva, phakathi kwezinye iinkokeli zehlabathi eziphefumle ngalo mba.