Iindaba

Zingaphezulu kwamakhulu amabini iintsana ezizalwe ngosuku loNyaka oMtsha

Cwayita Nondula|Published

Ibambela likaMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uBukiwe Fanta, utyelele isibhedlele saseFrere eMonti ukuza kwamkela iintsana ezizalwe ngomhla wonyaka omtsha.

Image: ECDoH

Zingaphezulu kwamakhulu amabini (206) iintsana ezizelwe ngomhla wokuqala wonyaka omtsha ka2026 – ziintsana ezingamantombazana ezilikhulu elinamashumi amabini (120) neentsana ezingamakhwenkwe ezingamashumi asibhozo anesithandathu (86).

Njengoko uMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNtandokazi Capa, esekhefini okwangoku, uMphathiswa oBambeleyo, uBukiwe Fanta onguMphathiswa wezoPhuhliso loLuntu, uphawule ukuqala konyaka omtsha ngokwamkela iintsana ezizelwe kulo lonke elaseMpuma Koloni ngomhla wokuqala kweyoMqungu 2026.

UFanta utyelele isibhedlele saseFrere eMonti ukuza kwamkela iintsana ezizalwe ngosuku lonyaka omtsha.

UMphathiswa oBambeleyo uFanta ukwamkele abaqeqeshwa (interns) abatsha kwezonyango, oogqirha beenkonzo zoluntu, neengcali zempilo ezisebenzisana nabo ezijoyina inkqubo yezempilo karhulumente yaseMpuma Koloni.

Eli Sebe lithi oku kulindeleke ukuba komeleze kakhulu unikezelo lweenkonzo kumaziko ezempilo kwiphondo liphela, ngakumbi kwiindawo ezisemaphandleni nezingafumani nkonzo ngokwaneleyo, apho ukufikelela kwiinkonzo zempilo kuhlala kungumba ophambili.

ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni likwakubethelele kwakhona ukuzinikela kwalo ekuqinisekiseni ubunkokeli obuqhubekayo, uzinzo kwiinkonzo zempilo, kunye nokunikezelwa kweenkonzo zempilo ezisemgangathweni kubo bonke abantu beli phondo ngeli xesha.