Iindaba

Kubhubhe ababini kwingozi yemoto kuN2 eMpuma Koloni

Cwayita Nondula|Published

Kubhubhe abantu ababini kwingozi yemoto kuhola wendlela uN2 phakathi kweMonti neQonce.

Image: iStock

Kubhubhe abantu ababini kuhola wendlela uN2 phakathi kweMonti neQonce ngenxa yengozi yemoto eyenzeke ngentsasa yoNyaka oMtsha.

Bobabini aba bantu babhengezwe njengababhubhileyo kwindawo yexhwayelo, ngelixa omnye umntu wonzakele kakhulu wabalekiselwa esibhedlele ukuze afumane unyango, ngokokutsho kwesithethi sesebe lezothutho eMpuma Koloni, u-Unathi Binqose.

UBinqose uqinisekise ukuba ingozi yemoto ibandakanye iimoto ezimbini zohlobo lweSedan kwindlela ekhankanywe ngasentla kufutshane nesikhululo sombane sakwaEskom malunga nentsimbi yesine kusasa.

"Sixhalabile kakhulu yile ngozi ethe yasuba imiphefumlo yabantu ababini ngentsasa yosuku loNyaka oMtsha, ingakumbi emva kweyona ngozi imasikizi ethe yabakho ukusukela ekuqaleni kwexesha leziyunguma, apho abantu abalithoba babhubhe eNgcobo kwiiyure nje ezimbalwa phambi kokuphela kuka2025.

"Ngoku sivuka kwenye ingozi embi eyenzeke kuN2 phakathi kweMonti neQonce futhi umntu omnye kule ngozi ulwela ubomi bakhe esibhedlele," utshilo uBinqose.

Uthe akucaci ukuba bebesuka phi futhi besiya phi. UBinqose ukwamemelele abasebenzisi beendlela, ingakumbi abaqhubi, ukuba bathobele imithetho yendlela ngamaxesha onke.